INCWADANA YENKCAZELO
YOMGAQO WOKUZIPHATHA
WENKONZO KARHULUMENTE
ISIKHOKELO
KWIINGXAKI ZOKUZIPHATHA
EMSEBENZINI
Sikhutshwa: yiKhomishini yeNkonzo kaRhulumente
Ingxowa eyodwa X121
Pitoli
IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente
Uhlelo lokuqala, ushicilelo lokuqala
Lo msebenzi unelungelo loshicilelo. Akukho nkcazelo yale ncwadi iya kukhutshelwa ngalo nangaluphi na uhlobo okanye ngayo nangayiphi na indlela - ngokusetyenziswa koomatshini okanye kombane ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yeKhomishini yeNkonzo kaRhulumente. Izicelo nemibuzo emayela namalungelo okhutshelo ingabhekiswa kwiKhomishini yeNkonzo kaRhulumente, eCommision House, efumaneka ekudibaneni kwemigaqo iHamilton neZiervogel, eArcadia 0083
Imibuzo emayela nale ncwadi ingabhekiswa:
IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente
INgxowa Eyodwa X121
Pitoli 0001
Umnxeba (27-12) 328 7690
Ifeksi (27-12) 325 8382
IZITHETHE NEMIGAQO
ELISHUMI EPHEZULU YENKONZO KARHULUMENTE
EMZANTSI-AFRIKA
UmGaqo-siseko woMzantsi-Afrika (isaHluko 10) ubethelela ukuba iNkonzo kaRhulumente kufuneka ...
Ilawulwe ngokwezithethe nemigaqo yomGaqo-siseko esekelwe kwidemokhrasi.
Ilondoloze kwaye ihlumise umgangatho ophakamileyo wokuziphatha ngokufanelekileyo.
Ihlumise ukusetyenziswa kwezinto zikarhulumente ngokufanelekileyo, ngoqoqosho nangokulungileyo.
Ityekele kuphuhliso.
Inikezele ngeenkonzo ngokungenamkhethe, ngobulungisa, ngokulinganayo nangaphandle kokuthatha icala.
Isabele kwiimfuno zabantu ize ikhuthaze uthathonxaxheba loluntu kwimiba yomgaqo-nkqubo.
Ibe nokuphendula ngezenzo zayo.
Yenzele izinto ekuhleni ngokunika abantu inkcazelo echanekileyo ngethuba.
Igabulele ulawulo lwezakhono zabasebenzi olusulungekileyo nophuhliso lwamakhondo emisebenzi ukuphucula izakhono zabasebenzi.
Ibonakalise ukumelwa kweendidi zabantu bonke boMzantsi-Afrika kwingqesho nakulawulo lwabasebenzi okusekelwe kwisakhono, ekungakhetheni cala, kubulungisa nasekulungisweni kokungalingani okwadalwa yimeko yocalucalulo.
ISALATHISO
INGABULAZIGCAWU
IMIBULELO
INCWADANA YENKCAZELO YOMGAQO WOKUZIPHATHA WENKONZO
KARHULUMENTE
Isingeniso
Uqeqesho
IZIKHOKELO ZEMIQATHANGO YOMGAQO WOKUZIPHATHA
Ubudlelwane neNdlu yoWiso-mthetho nabaPhathiswa
Ubudlelwane noLuntu
Ubudlelwane phakathi kwabasebenzi
Ukuziphatha nomdla kwizinto ezisecaleni
UMGAQO WOKUZIPHATHA WENKONZO KARHULUMENTE (ISIHLOMELO A)
INGABULAZIGCAWU
IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente igunyaziswa yimiqathango yomGaqo-siseko wowe-1996 ukuba iphakamise kwaye ilondoloze umgangatho ophezulu wemigaqo yokuziphatha ngokufanelekileyo kwabo bonke abasebenzi bakaRhulumente. Ngonyaka we-1997 umGaqo wokuziPhatha weNkonzo kaRhulumente wabhengezwa waza emva koko waphakanyiswa ngokubanjwa kweembizo namagosa kuzwelonke nakumaphondo. Kwaye kwakhona kwakho imfuneko yokuba kuqulunqwe isikhokelo somGaqo wokuziPhatha khona ukuze kube ube nokuqondwa ngcono intsingiselo yayo kwanendlela yokusetyenziswa kwayo.
Egameni leKhomishini yeNkonzo kaRhulumente, ndiziva ndiwongekile ngokunikezela kuwo onke amagosa aphantsi kwengqesho karhulumente woMzantsi-Afrika le Ncwadana yeNkcazelo yomGaqo wokuziPhatha weNkonzo kaRhulumente. UmGaqo wokuziPhatha yeyona ntsika ibalulekileyo ekusekweni kolawulo olufanelekileyo nendlela efanelekileyo yokuziphatha kwabasebenzi bakarhulumente. Le migaqo iphathelele kwimiba efana nokuhlonitshwa kwamalungelo abantu, umgaqo womthetho, ukuphendula ngezenzo zakho, ukwenzelwa kwezinto ekuhleni (ukungafihli nto) kwinkonzo karhulumente, ukuziphatha komsebenzi nento umntu anomdla kuyo ngaphandle kwasemsebenzini.
IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente ibhenela ngokungazenzisiyo kubo bonke abasebenzi bakarhulumente, ukususela koyena usezantsi kuye koyena uphezulu, ukuba babonakalise ulwazi lwabo lwemigaqo, izikhokelo nemiyalelo equlathwe kumGaqo wokuziPhatha. Asinto leyo inokuzenzekela nje ngokwayo, kungko ikwasiso nesinyanzeliso ukuba kufuneka kufezekiswe unikezelo lweenkonzo eluntwini. Kubaluleke kakhulu kwakhona ukuba amagosa karhulumente, ngokomgaqo lo, angazamkeli, izipho namalizo asuka ebantwini njengoko oko kunokubonakala njengezenzo zokunyoba.
Sinqwenela ukuncoma bonke abaphathi namagosa athe azinikezela ekuphakanyisweni komGaqo wokuziPhatha weNkonzo kaRhulumente. Ndiyanibongoza ukuba niqhube naloo msebenzi mhle ningayeki ukuphakamisa iindlela zokuziphatha ngokufanelekileyo kwinkonzo karhulumente.
IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente iyathemba ukuba le ncwadana yenkcazelo iya kuba luncedo ekuphakanyisweni kokuthembeka nokugqibelela emsebenzini nokukhuthaza imizamo emikhulu kuthi sonke khona ukuze sibe nomoya wokungakwazi ukulunyamezela urhwaphilizo eMzantsi-Afrika.
Okokugqibela, ndingathanda ukukhuthaza bonke abasebenzi bakarhulumente ukuba baqinisekise ukuba iindlela abaziphatha ngazo zihambelana nezithethe kwanemigaqo esisiseko solawulo lwabasebenzi bakarhulumente. Kwakhona, ndingathanda ukubakhuthaza abasebenzi ukuba baziqhelanise nomGaqo wokuziPhatha ndawonye nale Ncwadana yeNkcazelo.
USihlalo: IKhomishini yeNkonzo kaRhulumente
IMIBULELO
Ukuqulunqwa kwale Ncwadana yeNkcazelo yomGaqo wokuziPhatha weNkonzo kaRhulumente kunge kungakhanga kwaba yimpumelelo ngaphandle kokuzinikezela nenkxaso yabantu abaninzi nemibutho emininzi efanelwe kukukhankanywa nokunakanwa ngokukodwa. Abo bantu naloo mibutho yile:
AmaSebe eSizwe nawamaPhondo akuxhasile ukuqulunqwa kweNcwadana yeNkcazelo aza akaphelela apho, enza namagalelo okuphuculwa kwayo.
IOfisi yoMkhuseli woLuntu ibe negalelo elibalulekileyo ekuqulunqweni kwale ncwadi.
Imibutho yabasebenzi ithathe inxaxheba kwiintlanganiso ezininzi nakwiimbizo zokucaciselana apho ithe yenza khona izindululo ezibalulekileyo.
Abasebenzi beOfisi yeKhomishini yeNkonzo kaRhulumente bafake igxalaba kuphando nasekusungulweni kwesigaba sokugqibela sale ncwadi.
Okokugqibela, sivakalisa umbulelo omkhulu kwiSebe loPhuhliso lwaMazwe ngaMazwe laseBhilitane ngenkxaso-mali yokushicilela le Ncwadana yeNkcazelo yomGaqo wokuziPhatha weNkonzo kaRhulumente.
INCWADANA YENKCAZELO YOMGAQO WOKUZIPHATHA WENKONZO KARHULUMENTE
ISINGENISO
Injongo yale ncwadana kukuchaza okuqulathwe ngumGaqo wokuziPhatha ngokugqibeleleyo. Ukubhalwa komGaqo osemthethweni kufuna uqoqosho lwamagama, ukungqala nesigama esisemthethweni. Le ncwadana ke izama ukubeka imigaqo ngendlela enokuqondakala ngokugqibeleleyo kubo bonke abasebenzi bakarhulumente.
INcwadana yeNkcazelo ayinamigaqo mitsha kwaye ibhalwe kanye ngokufanayo ncakasana nomGaqo wokuziPhatha ngobume nangokufakelwa kweenombolo, nto leyo yenza ukuba kube lula ukuzithelekisa ezi ncwadi zimbini. Xa esebenzisa le Ncwadana, amasebe afanele ukuba azame ukongeza eyawo imizekeliso ngokweendawo akuzo.
Kufanele ukuba ibethelelwe into yokuba uphuhliso lwale Ncwadana yinkqubo engemanga ndawonye, koko etshintshantshintshayo kwaye iya kufuna ukumana ihlaziywa ngamaxesha athile njengoko kuya kuba njalo nakumGaqo wokuziPhatha ngokwawo.
UQEQESHO
Khona ukuze kube nokuphakanyiswa umgangatho ophakamileyo wendlela efanelekileyo yokuziphatha emsebenzini, kufanele ukuba abasebenzi bakarhulumente bakhuthazwe ukuba baziphathe ngendlela efanelekileyo. Ngoko ke le ncwadana ifanele ukuba isetyenziswe njengesikhokelo ekuphuhlisweni nasekwenzeni iikhosi zoqeqesho ezimfutshane zabo bonke abasebenzi. Le Ncwadana ikwaqulathe imizekeliso emininzi ebonisa ubungxakangxaka bemigaqo yokuziphatha kwindawo yomsebenzi, obunokuthi busetyenziswe njengesiseko soqeqesho nesemizekelo yezinto ezikhe zenzeka.
Xa ithelekiswa nomGaqo wokuziPhatha, le Ncwadana inganceda ekumiseleni ukuthenjwa kwenkonzo karhulumente luluntu nokukhula kokungabi namkhethe kwayo ngokuthi kwenziwe izinto njengoko kulindelekile ngokuphathelele kwindlela eyamkelekileyo yokuziphatha.
UXANDUVA LOMQESHI NOLWABASEBENZI
Yinyaniso emsulwa ukuba abantu bafunda ngokuqwalasela nangamava. Ngoko ke uxanduva olulodwa lubekwa emagxeni omqeshi, uxanduva olufana namagunya okulawula (abaphathiswa bakazwelonke nabamaphondo) kwezombuso nabaphathi beenkonzo zikarhulumente kuzo zonke izigaba, ukuba benze indawo yokusebenza ifaneleke apho kunokumiselwa khona izithethe nalapho kusekwa khona izinto eziyimizekelo kubo bonke abasebenzi.
Icandelo 195 (a) lomGaqo-siseko lithi "makuphakanyiswe kulondolozwe umgangatho ophakamileyo weendlela zokuziphatha ezifanelekileyo" kulawulo lukarhulumente jikelele. Ngokwemiqathango yesivumelwano sabasebenzi nabaqeshi (IsiGqibo 2 sowe-1999 seBhunga loThethathethwano labaSebenzi leNkonzo kaRhulumente) bonke abasebenzi abakwiiNkonzo zikaRhulumente banoxanduva lokuthobela umGaqo wokuziPhatha obekiweyo. Njengoko oku kusesona siseko sibalulekileyo sokuthintela, sokululeka nesokuvavanya amatyala oluleko, umqeshi kufuneka enze konke anakho ukuqinisekisa ukuba umGaqo wokuziPhatha uyaziwa ngabo bonke abasebenzi.
Kubalulekile ukuyibethelela into yokuba eyona njongo iphambili yomGaqo wokuziPhatha kukuphakamisa indlela yokuziphatha engumzekelo. Nangona kunjalo, umsebenzi uya kuba netyala lokungaziphathi kakuhle ngokwemigaqo yalo mThetho ukhankanywe ngasentla kwaye usenokumangalelwa ngokwemiqathango yecandelo le-18 nelama-27 njengoko lihlaziyiwe kumThetho oYilwayo woHlaziyo lwemiThetho yeNkonzo kaRhulumente wowe-1997, xa athe waphikisana nawo nawuphi na umqathango womGaqo wokuziPhatha.
IZIKHOKELO ZEMIQATHANGO YOMGAQO WOKUZIPHATHA
UBUDLELWANE NENDLU YOWISO-MTHETHO NABAPHATHISWA
Umsebenzi uya kuthembakala kwiRiphabhliki aze athobele umGaqo-siseko, akhokelwe nguwo ekwenzeni umsebenzi wakhe wemihla ngemihla.
Igama elithi "Riphabhliki" linokutolikwa njengegama elithetha "ilizwe" - uMzantsi-Afrika ke ngoko. Eyona mfanelo isisiseko yeyokuba bonke abasebenzi bakarhulumente baya kuthembakala balithobele ilizwe labo.
UmGaqo-siseko uthetha ngemiba ethile ephathelele kumalungelo abo bonke abantu nezinto ezingumdla kubo bonke abantu. Le nkcazelo yomGaqo wokuziPhatha, okokuqala, ifuna ukuthembakala kwabasebenzi bakarhulumente kwimeko ekhoyo yedemokhrasi. Okwesibini, ubukhulu bomGaqo-siseko bufuneka bamkelwe kwaye buhlonitshwe nguye wonke umntu. Okwesithathu, nawuphi na umsebenzi karhulumente ufanele ukuba abe nolwazi oluphangaleleyo lwemiqathango nenjongo yomGaqo-siseko khona ukuze abe nakho ukugcina nokumisela inkqubo esebenzayo.
Umzekelo 1: Abasebenzi bakaRhulumente abakumanqwanqwa ahlukeneyo abandakanyeka kakhulu okanye kancinane ekwenzeni izindululo eziphathelele kumgaqo-nkqubo. Naziphi na izindululo ezilolo hlobo kufuneka ziphononongwe ngokucokisekileyo ukuqinisekisa ukuba aziyi kungqubana nomoya kunye / okanye nemigaqo ethile yomGaqo-siseko. Imigaqo yomGaqo-siseko efana nothatho-nxaxheba lwabantu nokungafihli nto ekusetyenzelweni koluntu nayo kufuneka ilandelwe kangangoko kunokwenzeka xa sukuba kuqulunqwa umgaqo-nkqubo.
Umzekelo 2: Icandelo lama-33 lomGaqo-siseko lithi nabani na omalungelo akhe athe achaphazeleka ngokungathandekiyo zizenzo zolawulo, unelungelo lokuba anikwe izizathu ezibhalwe phantsi. Oku kuthetha ukuba, ukuthobela umGaqo-siseko, nawuphi na umsebenzi karhulumente ufanele ukuba aqinisekise ukuba izigqibo eziphathelele kulawulo nakwizenzo zisekelwe kwizizathu ezifanelekileyo kangangokuba ezo zizathu zinganikezelwa kuye nabani na ochaphazelekayo. Lilonke, oku kuthetha ukuba zonke izenzo zolawulo kufuneka zingafihlakali, zenzelwe ekuhleni ukutsho oko.
Umsebenzi kufuneka abeke phambili iimfuno zabantu ekwenzeni umsebenzi wakhe.
Lo mgaqo uthetha ukuba xa kufuneka kuthathwe izigqibo okanye kusetyenziswe ingqiqo, kufuneka kukhokeliswe izinto ezingumdla wabantu kuqala. Umdla womsebenzi karhulumente okanye umdla walo naliphi na icandelo kufuneka uze emva komdla wabantu.
Umzekelo 1: Igcisa elisebenza esibhedlele libotshelelwa sisivumelwano somsebenzi walo ukuba lisebenze ukususela kwintsimbi yesi-8:00 ukuya kwi-16:30. Akukho sicwangciso sikhoyo esiphathelele ekuhlawulweni kwexesha elingaphaya kwelesiqhelo. Isiphango siwise ipali ehambisa umbane esibhedlele kwaye amagumbi ethiyetha asebenzisa umbane wejenareyitha. Kunjalo, ijenareyitha inengxaki enayo kwaye igcisa liyalelwe ukuba lenze umsebenzi ongxamisekileyo kwijenareyitha ngentsimbi ye-16:00. Kulindeleke ukuba igcisa lingemki lingawugqibanga umsebenzi walo ongxamisekileyo nokuba oko kuthetha ukuba liya kugqiba emva kwexesha lesiqhelo lomsebenzi.
Umzekelo 2: Isininzi sabasebenzi esisebenza kwiofisi yenqila sinomdla wokuthatha iholide yonyaka ngenyanga yoMnga (Disemba). Ukuba inokuvunywa loo holide, oko kungathetha ukuba iofisi ayiyi kuba nakho ukunceda abantu ngokufanelekileyo ngelo thuba. Kufuneka kukho ukuhlangabezana phakathi kwabaphathi nabasebenzi abachaphazelekayo, okuya kubangela ukuba kubekho amagosa angayithathiyo iholide khona ukuze umsebenzi ube nokuqhuba njengesiqhelo.
Umsebenzi uya kufezekisa umgaqo-nkqubo worhulumente osezintanjeni ngokuthembekileyo xa sukuba esenza umsebenzi wakhe osemthethweni ngokwemigaqo equlethwe kwiincwadi zomthetho nakwamanye amacandelo.
ULuhlu lwamaLungelo kumGaqo-siseko, phakathi kwezinye izinto, lukhusela amalungelo ezopolitiko ommi woMzantsi-Afrika ngamnye, aquka ilungelo lokuzibandakanya okanye lokuba kumbutho wezopolitiko okholeke kuye. Inkqubo yonyulo iya kukhokelela ekubeni iqela elifumene iivoti ezininzi libe lilo elilawulayo. Oku ke kuthetha ukuba, iminqweno yomsebenzi karhulumente isenokungafezekiswa ngenxa yeziphumo zonyulo. Kwakhona, oku kusenokuthetha ukuba izinto ezifuna ingqwalaselo ephambili, inkqubo yezicwangciso nemigaqo-nkqubo ezisetyenziswa ngurhulumente obambe iintambo zisenokwahluka kwizinto ezingumnqweno womsebenzi karhulumente. Nangani kunjalo, abasebenzi bakarhulumente kufuneka besebenzele urhulumente owonyuliweyo ngokuzimisela, ngobuchule nangokuthembakala ekufezekiseni loo migaqo-nkqubo.
Umzekelo 1: Umsebenzi karhulumente ukholelwa ekubeni amaziko ezempilo afana neekliniki ngawona afanele kunikwa ingqwalaselo ephambili kumgaqo-nkqubo kweli lizwe kwaye kwalo msebenzi uxhasa iqela lezopolitiko elinolu luvo. Urhulumente osezintanjeni yena ubeka phambili umgaqo-nkqubo ongobonelelo ngezindlu nowokuthintelwa kolwaphulomthetho. Kwimeko enjalo, umsebenzi uya kulindeleka ukuba amkele izicwangciso zikarhulumente. Nangona kunjalo, oko akuthethi kuyekelelwa kwezimvo okanye ubuchule bokuqamba.
Umzekelo 2: Ukuba urhulumente ophetheyo ucinga ngokwenza isikim esithile kwaye umsebenzi kufuneka ecebise ngendlela ephucukileyo esinokwenziwa ngayo eso sikim, umsebenzi, nokuba akavumelani na neso sikim, unyanzelekile ukuba azibekele bucala ezakhe izimvo, athathe izigqibo ezingenamkhethe ngokukhangela amacebo anokusetyenziswa nokulunga nokungalungi kwamacebo lawo, akhangele eyona ndlela ingcono kunezinye olunokuxhamla ngayo uluntu olulungiselelwayo.
Umsebenzi kufuneka azame ukuziqhelanisa aze athobele yonke imithetho neminye imiyalelo echaphazelekayo kwindlela yokuziphatha kwakhe nasemsebenzini.
Khona ukuze umsebenzi abe nokukhonza urhulumente ophetheyo ngentembeko nangokufanelekileyo, kwanoluntu ngokubanzi, kufuneka abasebenzi bayazi ngokupheleleyo imigaqo yokuziphatha, imigaqo-nkqubo emayela nemisebenzi yabo kwaneenkqubo ekufuneka zilandelwe.
Abongameli babasebenzi banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abasebenzi banolwazi oluphangaleleyo ngomsebenzi wabo. Abasebenzi nabo bakwanoxanduva lokwenza imigudu yokuba babe nolwazi oluphangaleleyo ngemisebenzi yabo, babe nokusebenza ngokuncomekayo ngokwemiqathango yemigaqo-nkqubo ebekiweyo nangokweenkqubo ezisebenzayo kwimeko yomsebenzi wabo, bekwenza oko ngendlela eyanelisayo kurhulumente nakubantu ekukhonzwa bona.
Umzekelo 1: Ngokungabi nalwazi lwemiyalelo yezemali kwinkonzo karhulumente, igosa ligunyazisa ukuthengwa kwempahla ngaphandle kokufumana imvume kwiofisi yoLawulo-mali. Inkcitho enjalo iya kuba yinkcitho engagunyaziswanga kwaye isenokukhokelela kwiindleko nakwinkcitho engenanjongo yoxambuliswano kwinkundla yomthetho nakumabango embuyekezo.
Umzekelo 2: Ngenxa yokungabi nalwazi, umsebenzi unika inkcazo engeyiyo umntu owenza isicelo sokwamkela inkamnkam yobudala, ngokubhekiselele kwiimfanelo zokucela inkamnkam, kwinkqubo elandela isicelo okanye ngesixa-mali aya kusifumana umenzi-sicelo. Oku kungaba neziqhamo ezibi kumenzi-sicelo.
Umsebenzi usebenzisana namaziko karhulumente asekwe phantsi komthetho noMgaqo-siseko ekuphakamiseni umdla woluntu.
Amaziko amaninzi asekwe phantsi komGaqo-siseko (uMkhuseli woLuntu, uMphicothi-zincwadi, iKhomishini yeNkonzo kaRhulumente, iKhomishini yoLingano ngokweSini njl.) kanti amanye amaziko wona asekwe ngokomthetho (iibhodi zeziniki-maxabiso, iikhomishini zovavanyo njl.). La maziko ajongene nokulungisa nokulungelelanisa imiba ethile ukuqinisekisa ngolawulo olungahexiyo. Abasebenzi bakaRhulumente bafanele ukuba bangawathathi la maziko njengangento, koko kufuneka bewancedisile ukuba abe nokwenza imisebenzi yawo, umzekelo, ngokuwanika nayiphi na ingcaciso nenkcazelo anokuyifuna.
Umzekelo 1: Ukuba iOfisi yoMkhuseli woLuntu icelwe ukuba iphande ngesikhalazo somntu esingesebe likarhulumente, iya kulindela ukuba abasebenzi belo sebe babambisane nayo ngokunikezela ngayo nayiphi na inkcazelo efunekayo.
Umzekelo 2: Ukuba uMphicothi-zincwadi ufumanisa ukungemi kakuhle kolawulo lwemali kwisebe, amagosa esebe elichaphazelekayo akufuneki bakuthathe kakubi okufunyanisiweyo. Kufanele ukuba bayiqonde kwaye bayithakazelele indima edlalwa nguMphicothi-zincwadi, baze basebenzisane ngokugqibeleleyo neofisi yoMphicothi-zincwadi ukuzama ukusombulula iingxaki ezichongiweyo.
UBUDLELWANE NOLUNTU
Umsebenzi karhulumente uphakamisa ubunye nokuphila kwesizwe soMzantsi-Afrika ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe osemthethweni.
Isingeniso soMgaqo-siseko sichaza ukuba, ukwamkelwa komGaqo-siseko kujoliswe -
ekungcibeni ukwahlukana kwexesha localucalulo nasekusekweni kwesizwe esisekelwe kwizithethe zedemokhrasi, ubulungisa namalungelo asisiseko somntu ngamnye;
ekwakhiweni kwesiseko sedemokhrasi nesizwe esivulekileyo apho urhulumente asekelwe kwintando yabantu kwaye abantu bekhuselwe ngokulinganayo ngumthetho;
ekuphuculweni komgangatho wentlalo yabo bonke abantu nokusetyenziswa ngokukhululekileyo kwamandla omntu ngamnye nokwakha uMzantsi-Afrika omanyeneyo nowedemokhrasi onakho ukuthabatha indawo yawo efanelekileyo njengelizwe elizilawulayo kwindibanisela yabantu abaziintlanga ngeentlanga.
Khona ukuze kube nokuqondwa nokulondolozwa kweminqweno ephakamileyo ephakanyiswa ngumGaqo-siseko, kufuneka abemi boMzantsi-Afrika benenjongo nemizamo yokuzinikezela. Abasebenzi bakarhulumente babonwa njengenxalenye "kaRhulumente", ngoko ke oku kubaluleke nangaphezulu kubo.
Umzekelo 1: Ubudlelwane obububo, umoya wokusebenzisana nomoya omhle, oluncedo nofanelekileyo phakathi kwabasebenzi abaziintlanga ezahlukeneyo kodwa besebenzela urhulumente, uya kuba ngumzekelo omhle kuluntu jikelele. Umzekelo omhle ungafumaneka kwiofisi ekukhutshwa kuyo iincwadi zezazisi okanye iipasipoti.
Umzekelo 2: Umsebenzi kufanele ukuba abhalisele ukufunda olunye lweelwimi ezisemthethweni olusetyenziswa kwingingqi leyo akuyo. Kufanele ukuba kwakhona akhuthaze ukutolikelwa kolwimi kwezinye iilwimi ezisemthethweni kwiintlanganiso xa ikho imfuneko yoko.
Umsebenzi uya kukhonza abantu ngendlela engathathi cala nengenamkhethe khona ukuze abe nokuthenjwa ngabantu.
Inkonzo kaRhulumente ikhonza bonke abantu kwaye abantu balindele ukuphathwa ngokufanayo, ngokufanelekileyo, ngesidima nangobubele. Abasebenzi ke ngoko kufuneka bekwenzile oku ngokuphatha abantu abasebenza nabo babakhonzayo ngokufanayo, ngendlela engayi kubangela intembeko nje kuphela kubantu, koko eya kuseka ukuthakazelelwa komgangatho nobuchule beenkonzo ezinikezelwayo.
Umzekelo 1: Umsebenzi ubambe isikhundla kwisebe apho kuqwalaselwa khona izicelo zabantu zeenkonzo ezithile. Ummelwane womsebenzi uyayazi into yokuba anganakho ukuyiphembelela inkqubo leyo ngohlobo oluthile, aze aye kucela umsebenzi lowo ukuba amncedise ekukhawuleziseni izicelo ezo. Umsebenzi kufuneka ayiqwalasele ngeliso elibanzi imeko enjalo njengoko naliphi na inyathelo elithatyathiweyo lokuncediswa ngummelwane linokujongwa njengelinge lokwenzelelela ummelwane lowo ngcono kunabanye abaceli-msebenzi.
Umzekelo 2: Umsebenzi kufuneka acele abantu abazokufuna uncedo kuye ukuba bafole ukuze umntu ngamnye abe nokuncedwa xa kufike igem yakhe, kungenzelelelwa mntu okanye kube ngathi kwenzeka loo nto.
Umsebenzi kufuneka abe nembeko, abe noncedo kwaye afikeleleke ekusebenzeni kwakhe nabantu ngawo onke amaxesha, abaphathe abantu njengabantu abanelungelo lokufumana owona mgangatho uphezulu wenkonzo.
Kubalulekile ukuba abasebenzi bayiqonde into yokuba, ngokungenela kwabo inkonzo karhulumente, bayazinikezela ekukhonzeni uluntu ngokubanzi.
Abantu balindele ukuba bakhonzwe kwaye bafuna ukuba abasebenzi bafumaneke baze babancede ngobubele nangobuchule.
Umzekelo 1: Umsebenzi ufumana ifowuni esuka kumntu wasekuhlaleni kodwa kuyacaca ukuba umbuzo walo mntu ufowunayo kufuneka ubhekiswe kwelinye icandelo okanye isebe. Umsebenzi usuka amxelele lowo ufowunayo ukuba makabuze kwenye indawo. Impendulo elolu hlobo ingakhokelela ekubeni umntu lowo ebefowuna athunyelwe kwiinombolo zabantu abohlukeneyo engakhange abe uncedisiwe ekufumaneni indawo echanekileyo anokubuza kuyo. Oku asikokunceda abantu kwaye kungabangela ukuba ibekwe ibala inkonzo karhulumente. Umsebenzi ufanele ukuba amncedise umntu obuza ngefowuni, ngokuthi yena akhangele indawo echanekileyo anokubuza kuyo umntu lowo, ukuze esakuyifumana amfowunele loo mntu, amchazele.
Umzekelo 2: Apho kukho ikhawuntala, umsebenzi othile akanabantu bafole kwikhawuntala yakhe, kanti ugxa wakhe unabantu abalindele ukuncedwa. Umsebenzi ongenabantu bafolileyo kweyakhe ikhawuntala, ufanele ukuba ancedise ugxa wakhe ngokucutha abo bantu bafole kuye, kodwa ke kufuneka ukuba abe kanti uyawazi kakuhle umsebenzi lowo wogxa wakhe.
Umzekelo 3: Xa sukuba umntu esiya kucela idinga negosa likarhulumente, umzekelo, idinga lokufumana ingcaciso ngeemfanelo zomntu ofuna indlu kwezakhiwa ngurhulumente, igosa likarhulumente kufuneka lizame ukumnika idinga loo mntu ngokukhawuleza. Oko akuyi kubonisa kuphela ukufikeleleka kwelo gosa, koko kuya kubonisa nomdla ekuncedeni abantu.
Umsebenzi karhulumente kufuneka abonakalise ukukhathalela iimeko neenkxalabo zabantu ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe nasekwenzeni izigqibo ezibachaphazelayo.
Nangona iimfuno kunye / okanye iinkxalabo zabantu zingakhangeleki, ngokubona kwabasebenzi bakarhulumente, njengezixhalabisa kangako, abasebenzi bakarhulumente kufuneka bazame ukuba nomonde, babancede, babachazele okanye bababonise ngendlela abanokusombulula ngayo iingxaki zabo.
Iinkxalabo ezivakaliswe ngabantu okanye ngamaqela kufuneka zithathelwe ingqalelo. Inkqubo yodliwano-ndlebe nengafihlakalanga kwimiba evakaliswe ngabantu okanye ngamaqela, kungaluncedo olukhulu kwezo meko nezo nkxalabo zabantu.
Umzekelo 1: Kucetywa ikliniki yabantu abahlala kummandla osemaphandleni kodwa kunjalo kukwakho nengcinga yokubabonelela ngekliniki ehambayo. Kwimeko enjalo, abantu abo bachaphazelekayo kufuneka kuyiwe kubo kuviwe izimvo zabo. Oko kuya kuqinisekisa ukuba isigqibo ekufikelelwe kuso sesona sifanelekileyo kwaye nabantu kufuneka kuyiwe kubo kwangethuba.
Umzekelo 2: Umsebenzi karhulumente unoxanduva lokuqwalasela izicelo zenkxaso-mali yezindlu zabantu abebehlelelekile ngaphambili abahlala ematyotyombeni. Ukuba izicelo aziqwalaselwa ngokukhawuleza nangobuchule, oko kungathetha ukulibaziseka kwephulo lezindlu nokuba abantu basaya kuhlala phantsi kweemeko ezingaginyisi mathe ithuba elidana kunokuba bekulindelekile, kanti ukuba bezikhawulezisiwe bekungayi kwenzeka oko.
Umsebenzi uzinikezela kuphuhliso nokuphakanyiswa kwabo bonke abantu boMzantsi-Afrika ngokusebenza ngokukhawuleza.
URhulumente ophetheyo uyicacise ngokucacileyo injongo yakhe yokuphakamisa uluntu obeluhlelelekile ngaphambili njengoko kuchaziwe kwiNkqubo yoLwakhiwo ngokutsha noPhuhliso. Ezi njongo kufuneka zifezekiswe ngawo onke amasebe ngokwemisebenzi yawo.
UMzantsi-Afrika lilizwe elisakhulayo kwaye isininzi sabemi bawo asinalwazi, ngenxa yezizathu ezininzi, ngamalungelo noxanduva lwabo, ngeenkonzo abanelungelo kuzo, ngemigaqo ekufuneka beyilandele nokuba ngubani na abanokudibana naye ngalo mba. Njengoko inkonzo karhulumente ikhonza bonke abantu, abasebenzi bakarhulumente luxanduva lwabo ukubonelela abantu abangenalwazi ngayo yonke ingcaciso efunekayo, ngesikhokelo nangoncedo abalufunayo. Oku kufuneka kwenzeke ngobubele nangobuchule, nokuba oku kuthetha ukudluliselwa komntu kwelinye isebe okanye isakhiwo ngendlela ebonakalisa uthando.
Umzekelo 1: Abasebenzi kufuneka bathathe inxaxheba kwiinkqubo zophuhliso okanye zokuphakamisa ezenziwa ngamasebe abakuwo. Kufuneka bawukhuthalele umsebenzi wabo kwaye baqinisekise ukuba iinkqubo ezinjalo zenzeka ngendlela esulungekileyo nechubekileyo kwaye zisenzeka ngamaxesha ezisikelwe wona.
Umzekelo 2: Xa sukuba abasebenzi bephethe umcimbi wabantu kwiziko lezempilo, kufuneka balisebenzise elo thuba ekubacebiseni xa bekrokrela ukuba ingathi noko ulwazi lwabo ngemibandela yezempilo lunqongophele. Xa abasebenzi bengenakho ukubonelela ngalo lonke uncedo olufunekayo ngokwabo, kufuneka bamthumele umntu kugxa wabo ofanelekileyo ngokwamava khona ukuze umntu lowo abe nokucetyiswa, anikwe ingcaciso ngokufanelekileyo.
Umsebenzi akufuneki acalule nawuphi na umntu ngenxa yohlanga, yesini, ngokobuzwe okanye imvelaphi, yebala, yesenzo esityekele kwicala elithile lesini, yobudala, yokukhubazeka, yenkolo, yomba wezopolitiko, yesazela, yenkolelo, yenkcubeko okanye yolwimi.
Njengoko sekuchaziwe, iNkonzo kaRhulumente ikhonza bonke abantu noluntu jikelele eMzantsi-Afrika kungajongwanga ukuba ngoobani na. Umntu ngamnye unelungelo ngokomGaqo-siseko lokuba aphathwe ngesidima. Ngoko ke abasebenzi kufuneka bebaphethe bonke abantu ngokulinganayo, ngobubele nangobuchule, babenze bazive befumana uhlobo lwenkonzo olubafaneleyo.
Umzekelo 1: Umsebenzi karhulumente usenokuba nesikrokro sokuba umntu oze kufuna uncedo ngumntu othandana nomntu wesini esinye. Nokuba loo nto ayamkelekanga na ngokubona komsebenzi, ulindeleke ukuba amncede loo mntu njengaye nawuphi na umntu.
Umzekelo 2: Abantu abaninzi balinde etyhwini, kuze kuthi kunjalo kufike umntu owaziwayo ekuhlaleni othi alindele ukuba ancedwe ngokukhawuleza. Ukuba umsebenzi uyamvumela loo mntu ukuba angenelele, loo nto ithetha ukuba uyabacalula aba bantu balinde ukuncedwa besetyhwini bona.
Umsebenzi akufuneki ukuba asisebenzise kakubi isikhundla sakhe kwinkonzo karhulumente ngokwenzelelela okanye ngokudlelelela iqela elithile lezopolitiko okanye iqela labantu.
Njengoko inkonzo karhulumente ikhonza uluntu luphela, olunamaqela amaninzi abantu, opolitiko kwanabantu abaneenkolo ezahlukeneyo njalonjalo, oko kuthetha ukuba umsebenzi karhulumente akufuneki ukuba abandakanyeke kuyo nakuyiphi na into enokuthi ijongeke njengokwenzelelela nokudlelelela amaqela okanye abantu.
Ngokwenkonzo karhulumente, bonke abantu kufuneka besetyenzelwe ngokulinganayo ngokwemigaqo-nkqubo kaRhulumente ophetheyo. Umsebenzi karhulumente ke ngoko kufuneka awuqonde kakuhle umahluko phakathi koxanduva lwakhe lokusebenzela uRhulumente ophetheyo nokubandakanyeka kwimiba yamaqela ezopolitiko.
Umzekelo 1: Umsebenzi uphuma kuluntu lwenkcubeko ethile ekufuneka ikhuphisene kwizibonelelo zikaRhulumente qho ngonyaka. Umsebenzi ukwisikhundla esiphezulu kwisebe ekufuneka liqwalasele, lihluze lize lenze iziphakamiso ezixhasiweyo kuMphathiswa ochaphazelekayo. Umsebenzi onjalo akufuneki ukuba asebenzise isikhundla ukwenzelelela isicelo soluntu aphuma kulo nangayiphi na indlela okanye adlelele ezinye izicelo ezisuka kwezinye iindidi zoluntu. Umsebenzi onjalo kufuneka awandlale umdla wakhe kumphathi wakhe ukuthintela ukungqubana kwemidla okunokwenzeka.
Umzekelo 2: Abasebenzi balindeleke ukuba babaxhase abaphathiswa bamasebe abo ekuqulunqweni kweencwadi, njalonjalo eziya kusetyenziswa ngokusemthethweni njengoxwebhu oluqulunqwayo lwengxoxo-mpikiswano yowiso-mthetho. Kodwa ke abasebenzi abanakubandakanyeka ekuqulunqweni koxwebhu oluya kusetyenziswa ngumphathiswa kwiqela lezopolitiko.
Umsebenzi karhulumente kufuneka ahlonele kwaye akhusele isidima saye nawuphi na umntu kwanamalungelo akhe njengoko echaziwe kumGaqo-siseko.
Abasebenzi kufuneka baziphathe ngendlela ehloniphekileyo ngokubhekiselele koogxa babo nakubantu gabalala, kungajongwanga ukuba bangoobani na, bakhangeleka njani, bakwiwonga lini na, njalo njalo. Indlela abaziphatha ngayo abasebenzi ngokubhekiselele kwabanye kufuneka isoloko iyeyobuhlobo, iyenoncedo nenobuchule.
Umzekelo 1: Ukuba abasebenzi abasebenza ngaphaya kwekhawuntala bafikelwa ngumntu ozinike kanobom kumdiliya omfaxangiweyo kwaye esenza ingxolo, kufuneka bamphathe loo mntu ngokufanayo nabanye ngokuthi bazame ukumnceda ngokuthobeka nangokufanelekileyo. Kubalulekile ukukhumbula ukuba abantu basoloko beyijongile imeko abaphatheke ngayo kwaye ke ngoko nabasebenzi bangasiphucula isidima seNkonzo kaRhulumente ngokusebenza ngendlela enesidima. Ukuba imeko iyabongamela kwaye abasebenzi bafumana ubunzima ekuyilawuleni, akufuneki ukuba babe nomsindo, koko kufuneka bamthathe umntu lowo bamse kumphathi wabo yena uya kuthi abone ukuba makamphathe njani na ecaleni.
Umzekelo 2: Abantu batyhalwa yimeko yokunqongophala kwemali ukuba benze izicelo zezibonelelo zentlalontle. Amagosa ekufuneka bebancedisile ngokubanika iifom zezicelo ezifanelekileyo kufuneka bayilumkele imeko yabo baze babonakalise uvelwano kubo.
Umsebenzi kufuneka aliqonde ilungelo lomntu lokufumana ingcaciso, ngaphandle kwengcaciso ekhuselekileyo ngokwasemthethweni.
UmGaqo-siseko uchaphazela imiba emibini ngokuphathelele ekufunyanweni kwengcaciso. Owokuqala kukuphakamisa ukwenzelwa kwezinto ekuhleni, okuvumela umntu ngamnye ukuba afikelele kuyo yonke ingcaciso efanele kwaziwa ngabantu. Oku kuya kubangela ukuba babe nakho ukuthatha inxaxheba ngokufanelekileyo ekusekweni kweendidi zemigaqo-nkqubo abangathanda ukuyibona iphunyezwa. Okwesibini, le miqathango ijonge ekubeni babe nakho abemi ukukhusela amalungelo abo athile njengoko ekhankanyiwe kuLuhlu lwamaLungelo. Banakho ukucela izizathu ezibhalwe phantsi zaso nasiphi na isenzo solawulo esibachaphazela gwenxa. Ngaphezu koko, basenokucela nayiphi na ingcaciso ngenjongo yokukhusela amalungelo abo.
Njengoko nawuphi na umsebenzi karhulumente esazi, kunzima kona ukwahlula ukuba yiyiphi ingcaciso efanele kwaziwa ngabantu jikelele. Enye ingcaciso ithathwa njengengcaciso ekhuselekileyo efanele kuba phantsi kolawulo lwamasebe ngokwemiqathango yexwebhu elaziwa ngokuba yiGuidelines on Minimum Information Security Standards ekhutshwe liCandelo lezobuNtlola beSizwe. IOpen Democracy Bill nayo ikwajonge ukuseka isicwangciso esifanelekileyo onokulawulelwa phantsi kwaso lo mba ngamasebe. Oku kwenziwa nzima ngakumbi yinto yokuba umThetho wobuDlelwane nabaSebenzi wowe-1995 nawo uneendlela ezithile zokunikezela abasebenzi indlela yokufikelela kwingcaciso ephantsi korhulumente njengomqeshi ngeenjongo zokukhusela amalungelo athile abasebenzi.
Le ngxaki ingashwankathelwa ngolu hlobo:
Abasebenzi kufuneka, ngalo lonke ixesha, bawathathele
Ingqalelo amalungelo abantu okufumana ingcaciso.
Isebe ngalinye kufuneka limisele umgaqo-nkqubo ofanelekileyo hambelana nomthetho kazwelonke ochaphazelekayo ukuze kube nokwenziwa imimiselo ephathelele kulo mbandela.
Abasebenzi kufuneka bawazi umthetho obhaliweyo nomgaqo-
nkqubo omisela lo mbandela kumasebe abo.
Izizathu nenkqubo elandelweyo ekhokelele kwisenzo solawulo kufuneka sibhalwe ngokucokisekileyo ukuze ingcaciso ibe nokufumaneka xa ifuneka.
Ukuba ingcaciso efunwa ngumntu ayinakho ukufumaneka, kufuneka kunikwe izizathu ezibambekayo ezingunobangela wokunganikezelwa kwengcaciso eceliweyo kuloo mntu.
Umzekelo 1: Ukunikezela ngengcaciso ngokukhawuleza ebantwini kubaluleke kakhulu. Xa umntu ocele ingcaciso ngokufumaneka kweebhasari enikwa loo ngcaciso emva komhla wokuvalwa kobhaliso laloo nyaka, injongo yokucelwa kwaloo ngcaciso iya kuba ayifezekiswanga.
Umzekelo 2: Ukufumaneka kwengcaciso kukwathetha ukuba ingcaciso leyo kufuneka imane ihlaziywa qho. Xa ilungu lepalamente linokucela ingcaciso ethile emayela nengxoxo-mpikiswano engekaqosheliswa epalamente, ukungakwazi kwesebe ukubonelela ngengcaciso ehlaziyiweyo kwangethuba kungabangela ukungasebenzi kakuhle kwenkqubo yedemokhrasi.
Umzekelo 3: Ukunika abantu ingcaciso engeyiyo kungaba nengxaki enkulu. Mhlawumbi abantu babuza ngokusebenza kwesikim esitsha apho ezinye iinkcukacha zaso zingekagunyaziswa ngabo basemagunyeni. Umntu ke yena akazi ukuba kukho izinto ezingekagunyaziswa, wazi nje ukuba phaya naphaya ngeenkcukacha zaso. Le meko ke ingabangela ukuba abantu basasaze ingcaciso engekho mthethweni. Inkonzo karhulumente ingabekwa ibala elibi xa inokutshintsha oko sele kusaziwa ngabantu ngesikim ize isebenze ngendlela engeyiyo le ithe ndii ebantwini.
UBUDLELWANE PHAKATHI KWABASEBENZI
Umsebenzi kufuneka asebenzisane ngokupheleleyo nabanye abasebenzi ukuze kuqhutyelwe phambili inkonzo yabantu.
Kubalulekile ukuba bonke abasebenzi bayazi into yokuba xa bebonke basengela thungeni linye - ukukhonza uRhulumente ophetheyo noluntu ngokubanzi, bekwenza oko ngobuchule nangokuthembeka kangangoko banakho. Ngoko ke abasebenzi kufuneka benze imigudu yokuba basebenzisane. Xa bencedisana, bexhasana besabelana ngolwazi, iingcamango nangezixhobo (apho kufanelekileyo), loo nto iya kubenza abasebenzi babe nakho ukusebenza ngokuchubekileyo ngokweemfuno zikaRhulumente nezabantu.
Umzekelo 1: Kubalulekile ukuwazi owona msebenzi ungundoqo okanye eyona njongo yenkonzo karhulumente kwanokwazi ukuba umsetyenzana ngamnye owenziwe ngokufanelekileyo uzisa udumo kwinkonzo karhulumente. Umsebenzi ngamnye ke ngoko kufuneka azamkele izimvo neengcamango zabasebenzi bamanye amacandelo. Makungabikho kumonelana okanye umkhwa othi "phuma endaweni yam" kwinkonzo karhulumente.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi uyabona ukuba ingxaki ethile yomntu inokusonjululwa kuphela ngokusebenzisana kweofisi yakhe nenye iofisi, loo msebenzi ufanele ukuba enze kangangoko anakho azame ukufumana loo ntsebenziswano ifunekayo nokuba amagosa asebenza kwenye iofisi akabonakalisi ntsebenziswano na ekuqaleni.
Umzekelo 3: Igosa lichazelwa lelinye isebe ukuba kufuneka lisebenze kwigqiza lokhetho lwabaceli-msebenzi. Kwimeko enjalo, umsebenzi lowo kufuneka ancede njengoko eceliwe ukuba kunakho ukwenzeka oko. Kodwa ke naxa kunjalo, kufuneka ajonge iimfuno zomsebenzi wesebe lakhe aze afumane imvume kumphathi wakhe.
Umsebenzi kufuneka enze yonke imiyalelo efanelekileyo ayinikwa ngumntu onamagunya ngokusesikweni okunika loo miyalelo, kodwa ke imiyalelo leyo kufuneka ingabikho nxamnye nomGaqo-siseko kunye / okanye nawo nawuphi na umthetho ongomnye.
Kubalulekile ukuba abasebenzi bayifezekise yonke imiyalelo efanelekileyo khona ukuze babe nokuqinisekisa ukuba iinkonzo ziya ebantwini ngendlela ecolekileyo nenocwangco. Iindawo ezinkulu ezifana namasebe karhulumente zinokusebenza kakuhle kuphela xa kukho amanqwanqwa afanelekileyo okugunyazisa nathi athotyelwe ngabo bakumanqwanqwa angezantsi. Ukuba yonke imiyalelo esemthethweni yenziwa ngokukhawuleza nangobuchule, indawo leyo xa iyonke iya kusebenza kakuhle.
Umzekelo 1: Umsebenzi ufumana umyalelo kumphathi wezolawulo okanye wezopolitiko ukuba enze into engekho kwimigaqo yenkonzo karhulumente. Umsebenzi lowo kufuneka ayazi ukuba ithina na imigaqo ukuze kwimeko enjalo abonise umphathi wakhe ukungabikho mgaqweni komyalelo lowo awunikwayo. Ukuba umphathi lowo uyanyanzelisa, kufuneka umsebenzi acele ukuba awubhale phantsi umyalelo lowo, abonise ukungawamkeli kwakhe ukuze emva koko enze ingxelo kofanelekileyo osemagunyeni.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi uyalelwa ngumphathi ukuba enze iodolo yokuthengwa kwezinto apho kungalandelwanga khona imigaqo yoniko-maxabiso, umsebenzi ufanele ukuba acele ukuba loo mba ugqithiselwe kwigosa elilawulayo ukuba linike isigqibo.
Umsebenzi kufuneka angenzeleleli izihlobo nabahlobo emsebenzini kwaye angakhe asebenzise ngokungatshongo khona igunya lakhe okanye aphembelele omnye umsebenzi okanye aphenjelelwe yena ukuba asebenzise ngendlela engatshongo khona igunya lakhe.
Inkonzo kaRhulumente kufuneka iqeshe, iphakamise, ibuye, iwonge abasebenzi abanakho ukusebenzela urhulumente nabantu bengajonganga izimvo zabo zopolitiko okanye amaqela abo opolitiko, izihlobo zabo okanye amawonga abo ekuhlaleni. Ezi zinto zilandelayo azamkelekanga:
a Ukwenzelelela - oku kuthetha ukuba abasebenzi abathile abakhethiweyo bayaqeshwa, banyuselwe, batshintshelwe kwezinye iindawo okanye baphathwe ngemfobe esekelwe kubuhlobo, kwimbuyekezo yesenzo esithile, njl.
b Ukuqeshwa kwezihlobo - oku kuthetha ukuba umsebenzi uqeshwa, anyuselwe, atshintshelwe kwenye indawo okanye enzelwe into ethile eyinzuzo kuye ngenxa yokuba esisihlobo nomsebenzi lowo ukwisikhundla sokugunyazisa isenzo esinjalo okanye sokutshintsha / sokuphembelela inkqubo.
Umzekelo 1: Abasebenzi ababini (u-A no-B) bayafika kwinkonzo karhulumente. Banikwa izikhundla ezifanayo, bangabahlobo kwaye basebenza kwiofisi enye. Umsebenzi ongu-B uyanyuselwa abe ngumphathi ka-A. Loo nto ithetha ukuba kufuneka enike u-A umsebenzi omawenziwe ukuze azibonakalise ukufaneleka kwakhe kwisikhundla sokongamela iqabane lakhe. Kuthi kusakufika ithuba lokuhlolwa kokufaneleka kuka-A, okwenziwa ngu-B ngomdla nangokumenzelelela, afumane ibhaso lokufaneleka nangona engalifanelanga.
Umzekelo 2: Umsebenzi uthatha inxaxheba ekukhethweni komntu oya kuqeshelwa kwisikhundla eskwinkonzo karhulumente. Umsebenzi uthi akhethe umntu othile kuba engumhlobo wakhe, elilungu leqela lakhe lezopolitiko okanye kuba elilungu lohlanga oluthile. Oku kukuqesha ngokuzalana kwaye kunxamnye neenjongo zomGaqo-siseko kwanomnqweno karhulumente.
Umzekelo 3: Zininzi iindlela anokuthi ngazo umsebenzi okwisikhundla esiphezulu asebenzise ngazo kakubi isikhundla akuso. Umzekelo, abasebenzi abalawula ukungena kweemoto kwibala lokupaka banikwe imiyalelo ecacileyo yokuba iindawo zokupaka zezabasebenzi abaphezulu namandwendwe asemthethweni. Kuthi kunjalo, intloko yeofisi iyityeshele loo miyalelo ngokuthi ivumele inkosikazi yayo ukuba isebenzise loo mabala okupaka amaxesha ngamaxesha. Isenzo esinjalo sibangela ukuba abasebenzi bangayihloniphi imigaqo ebekiweyo, bangahloniphi namagosa aphezulu kwaye oko kuthi kube neziqhamo ezingezihle kwindlela yokusebenza kwelo candelo.
Umsebenzi kufuneka alandele imigaqo efanelekileyo yokuvakalisa izikhalazo okanye yokuthunyelwa kwenkcazo ebhaliweyo.
Nangona kwamkelekile ukuba izikhalazo neembambano zizinto ezinokubakho ngamaxesha ngamaxesha kwinkonzo karhulumente, yinto entle nelungileyo kumacala omabini, umoniwa nomqeshi (kwanoluntu) ukuba izikhalazo neembambano phakathi kwala maqela zibe nokusonjululwa ngokukhawuleza. Kungesi sizathu ukuba kubekho imigaqo yokusonjululwa kwezikhalazo neembambano emayisetyenziswe ngabo bonke abasebenzi. Nanini na kuvela isikhalazo okanye imbambano, kubalulekile ukuba kukhunjulwe oku kulandelayo:
a Isikhalazo okanye imbambano ingasonjululwa ngokufanelekileyo kuphela ukuba amaqela abandakanyekayo kwisikhalazo / kwimbambano ayazinikela ekuxoxeni / ekulamleni.
b Xa kukho isikhalazo / imbambano ekhoyo, umsebenzi angasebenzisa la maqonga alandelayo:
i Imigaqo yezikhalazo jonga phantsi kwecandelo lama-35 lomThetho weNkonzo kaRhulumente, wowe-1994 ofundwa nemiGaqo yokuxoxwa kwezikhalazo zamagosa kwiiNkonzo zikaRhulumente, umMiselo ongunombolo 6575 womhla woku-1 kweyeKhala Julayi 1999, ichaza ukuba nawuphi na umsebenzi angasibhekisa isikhalazo / imbambano anayo kumphathi wakhe oya kuthi yena asidlulisele kongentla kunaye ukuba yena akanakho ukuza nesisombululo esanelisayo.
Umzekelo 1: Umphathi unikezela ngengxelo engentle ngomgangatho womsebenzi ngethuba lokuhlolwa kwemigangatho yokusebenza, ekwenza oko engakhange amnike ithuba lokuzithethelela umsebenzi lowo. Oku akuhambisani nemigaqo ekhoyo yobudlelwane nabasebenzi. Umphathi okwinkonzo karhulumente kufuneka ayiqonde into yokuba inkonzo karhulumente yiyo ekufuneka ibe ngumzekelo ekuthobeleni imigaqo ekhoyo nemithetho yelizwe kwaye kufuneka esoloko eqinisekisa ukuba konke akwenzayo ukwenza ngendlela efanelekileyo nangobulungisa.
ii Imigaqo yebhodi yolamlo ngokuphathelele kumGaqo 15l weShedyuli yesi-7 yomThetho wobuDlelwane nabaSebenzi, wowe-1995 apho kuchazwa ukuba umsebenzi angayisa imbambano yakhe ukungaphatheki ngobulungisa emsebenzini kwintloko yesebe eya kuthi ikhangele ibhodi yolamlo, ize iyise imbambano leyo kuloo bhodi ukuba intloko leyo yesebe ayiphumeleli kwimigudu yayo esa kwisisombululo sembambano.
Umzekelo 2: Umthunywa onganelisekanga yindlela aphatheke ngayo angakubhekisa ukunganeliseki kwakhe kwintloko yesebe emele ukuba iwuqwalasele loo mba ize iqinisekise ukuba imbambano leyo iyasonjululwa. Ukuba intloko leyo yesebe ayiphumeleli ekusombululeni imbambano leyo kwisithuba seentsuku ezingama-20, umthunywa lowo angafaka isicelo sokuba intloko yesebe ikhangele ibhodi yolamlo, kwisithuba seentsuku ezili-10, eya kuthi yenze imigudu yokusombulula imbambano. Ukuba ibhodi yolamlo ayiphumeleli ukusombulula imbambano, umthunywa unokubhenela kwiNkundla yabaSebenzi apho unokuviwa khona umcimbi wakhe.
iii Ukuba isikhalazo / imbambano iphathelele kulawulo olutenxileyo nakwizenzo zodlelelelo ezenziwa ngurhulumente njengomqeshi, isikhalazo / imbambano leyo isenokudluliselwa nakuMkhuseli woLuntu.
Umzekelo 3: Umthunywa othi aqaphele izinto ezitenxileyo ezenzeka emsebenzini wakhe, angazichaza ezo zinto kumphathi wakhe okanye kwintloko yesebe. Ukuba akaneliseki yimpendulo yomphathi wakhe okanye yentloko yesebe, umthunywa owoniweyo angawudlulisela loo mba kuMkhuseli woLuntu. Kwezinye iimeko, umthunywa usengakhetha ukuwusa ngqo umbandela wakhe kuMkhuseli woLuntu.
Umsebenzi kufuneka azinikezele kuphuhliso oluphakamileyo, kwinkuthazo nasekusetyenzisweni kwabasebenzi abaphantsi kwakhe kwanokuphakanyiswa kobudlelwane obusulungekileyo babasebenzi.
Khona ukuze kube nokufunyanwa eyona njongo igqibeleleyo yenkonzo karhulumente, ekukusetyenzelwa kwabantu ngokugqwesileyo, bonke abaphathi kwiinkonzo zikarhulumente bamele ukuba baqinisekise ukuba bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwabo banolwazi nezakhono ezifanelekileyo zokukwazi ukwenza umsebenzi ababelwe wona kumgangatho olindelekileyo, bayakhuthazwa ukuba basebenze ngokuzinikela kwaye banawo umdla kwaye benakho ukuphakamisa ubudlelwane obuchubekileyo. Kwimigudu yokuphumelela koku, umphathi kufuneka akhumbule oku:
a Ukuphuhliswa kwabasebenzi kuthetha ukuba umsebenzi okwisikhundla sokuphatha ufanele ukuba -
i azi ukuba luquka ntoni na uphuhliso lwabasebenzi;
ii ahlole qho iimfuno zophuhliso lwabasebenzi;
iv aqinisekise ukuba isicwangciso siyalandelwa aze v athi gqolo ukuhlola inkqubela yeso sicwangciso.
Umzekelo 1: Umphathi kufuneka, emva kokudlana iindlebe nomsebenzi osandula ukuqeshwa, achonge iinkalo anokuqeqeshwa kuzo. Iinkalo zoqeqesho ezichongiweyo kufuneka zifakwe kwinkqubo yoqeqesho ephathelele kwicwecwe lomsebenzi wakhe nakwiincwadana zemigaqo. Kufuneka kwakhona kuqulunqwe ishedyuli yoqeqesho ukuze kube nokuboniswa inkqubela yophuhliso lwabasebenzi abatsha.
b Ukukhuthazwa kwabasebenzi kuthetha ukuba umsebenzi okwisikhundla sokuphatha ufanele ukuba -
i azi ukuba kuquka ntoni na ukukhuthazwa kwabasebenzi ii ahlole umgangatho wenkuthazo yabasebenzi;
iii azise imigaqo yokuphakamisa umgangatho wenkuthazo yabasebenzi xa kuyimfuneko oko aze iv asoloko ehlola ehlola umgangatho wenkuthazo yabasebenzi.
c Ukusetyenziswa kwabasebenzi kuthetha ukuba umsebenzi okwisikhundla sokuphatha ufanele ukuba -
i azi ukuba kuquka ntoni na ukusetyenziswa kwabasebenzi;
ii ahlole ukuba basetyenziswa kangakanani na abasebenzi iii azise imigaqo yokusetyenziswa kakhulu kwabasebenzi aze iv asoloko ehlola qho ukusetyenziswa kwabasebenzi.
Umzekelo 2: Abaphathi kufuneka besoloko bebuhlola ubungakanani bomsebenzi nomgangatho wokusebenza kwabasebenzi khona ukuze babe nokuqinisekisa ukuba bonke abasebenzi basetyenziswa ngokufanelekileyo. Oku kuya kunciphisa amathuba okuba kubekho abasebenzi abanomsebenzi omkhulu ngeli xa kukho abanye abasebenzi abanomsebenzi omncinci. Kwakhona, abasebenzi kufuneka ukuba bakhuthazwe ukuba baziqhelanise nemisebenzi engeyoyabo kwanemisebenzi ekumgangatho ongentla kakhulu kunabo, khona ukuze babe ngabasebenzi abanokukulungela ukusetyenziswa kwimigangatho engentla xa ixesha loko lifika.
d Ukuphakanyiswa kobudlelwane obuchubekileyo kuthetha ukuba umsebenzi okwisikhundla sokuphatha ufanele ukuba -
i azi ukuba buquka ntoni na ubudlelwane obuchubekileyo;
ii ahlole ukuchubeka kobudlelwane phakathi kwabasebenzi;
iii azise imigaqo, ukuba kukho imfuneko, yokuphuculwa kobudlelwane nabasebenzi aze iv ahlole gqolo ukuchubeka kobudlelwane phakathi kwabasebenzi.
Umzekelo 3: Abaphathi bafanele ukuba bawuhlole umoya wentsebenziswano kumacandelo abo baze bangenelele ngoko nangoko xa beqaphela ukungabambisani okanye ukuxoxisana kwabasebenzi okungathothiyo.
Umsebenzi kufuneka asebenzisane ngobulungisa, ngesidima nangokufanelekileyo nabanye abasebenzi kungajongwanga buhlanga, sini, buzwe okanye mvelaphi, bala senzo sityekele kwicala elithile lesini, budala, kukhubazeka, nkolo, mba wezopolitiko, sazela, nkolelo, nkcubeko okanye lwimi.
UmGaqo-siseko, umThetho weNgqesho nowobuDlelwane nabaSebenzi kwanomThetho ongaBhalwanga, zonke ezi zinto zibonelela abasebenzi ngelungelo lokuphathwa ngobulungisa nangokufanayo. Ukuba elo lungelo linyhashelwa phantsi nangayiphi na indlela, abasebenzi basenokubhenela kwiindlela zokusonjululwa kwembambano echatshazelwe kumThetho weNkonzo kaRhulumente wowe-1994, kwimimiselo yeNkonzo kaRhulumente nomThetho wobudlelwane nabaSebenzi wowe-1995 okanye basenokubhenela kwiNkundla yomGaqo-siseko, kwiNkundla ePhakamileyo okanye kuMkhuseli woLuntu, kuxhomekeke kubunjani belungelo elo linyhashelwa phantsi. Kubalulekile ke ngoko ukuba abaphathi abakwiinkonzo zikarhulumente bayazi intsingiselo yokuphatha ngobulungisa nangokufanayo.
a Ukuphatha abasebenzi ngokufanayo kuthetha ukuba umsebenzi ngamnye ufanele ukuba -
i asoloko ehloniphe amalungelo ngokwemigaqo yomThetho ongaBhalwanga, ngokomGaqo-siseko, ngokomThetho wobuDlelwane nangokwemigaqo yawo nawuphi na umthetho osebenzayo abanye abasebenzi;
ii asoloko ebanika ithuba abanye abasebenzi ukuba bachaze ezabo izimvo kumbandela ophethweyo;
iii asoloko ebanika abanye abasebenzi ithuba lokunika eyabo ingxelo xa becele oko iv nokusoloko ekulungele ukuxoxa / ukudlana iindlebe / ukuthethathethana ekuhleni.
Umzekelo 1: Xa umsebenzi, umzekelo, ethe wabekwa isityholo sokungaziphathi kakuhle, kufuneka aphathwe ngokwemigaqo nangobulungisa obugqibeleleyo.
Umgaqo wobulungisa uthetha ukulandelwa komgaqo othile wokululeka apho umsebenzi kufuneka -
aziswe kwangethuba ngesityholo abekwa sona;
anikwe ithuba lokuzithethelela kuvavanyo lwesityholo;
abe nelungelo lokumelwa;
abe nokufikelela kuyo yonke ingcaciso echaphazelekayo;
enelungelo lokubuza imibuzo kumangqina nokuba nelungelo lokubhena.
Ubulungisa obugqibeleleyo buthetha ukuba bonke ubungqina obuthiwe thaca etafileni kufuneka buqwalaselwe ngokungenacala kangangoko phambi kokuba kuthathwe isigqibo.
b Ukuphatha abanye abasebenzi ngesidima kuthetha ukuba umsebenzi ufanele ukuba -
i abe nolwazi ngengongoma;
ii asabele ngokukhawuleza kwimiyalelo / kwizicelo;
iii amise ingqondo yakhe ngokupheleleyo kumba ochaphazelekayo;
iv athathe inxaxheba ngokukhuthala apho kusetyenzwa ngokwamaqela khona ngenjongo yokufaka igxalaba / yokusombulula ingxaki;
v ahloniphe isidima sabanye abasebenzi aze vi athathele ingqalelo umdla wabanye abachaphazelekayo.
c Ukuphatha abanye abasebenzi ngokufanayo kuthetha ukuba umsebenzi ufanele ukuba -
i angacaluli abanye abasebenzi ngokuthe ngqo okanye ngokugwegweleza phantsi kwayo nayiphi na imeko;
ii aphathe abanye abasebenzi njengeentanga zakhe ngawo onke amaxesha aze iii angabi nacala, asebenzise imilinganiselo efanayo ekuthatheni izigqibo ezichaphazela abanye.
Umzekelo 2: Umphathi emsebenzini unika ikhefu abasebenzi abangamalungu enkonzo yakhe aze ale ukunika ikhefu amalungu ezinye iinkonzo. Lucalulo ke olu. Onke amaqela eenkonzo amele ukuba aphathwe ngokufanayo.
Umsebenzi kufanele ukuba abuye umva kwizinto zeqela lakhe lezopolitiko xa esemsebenzini.
NgokomGaqo-siseko, iinkonzo zikarhulumente kufuneka ukuba zingahambi ngokwezimvo zeqela lopolitiko xa zisisa iinkonzo ebantwini. Oku kuthetha ukuba abasebenzi bakarhulumente kufuneka bese iinkonzo kubo bonke abemi boMzantsi-Afrika bangakhethi phela emasini. Iinkonzo zikarhulumente nabasebenzi bakarhulumente bamele iinkonzo zelizwe liphela, ngoko ke akufuneki ukuba xa besebenza bakhokelise izimvo okanye iminqweno yeqela elithile lezopolitiko.
Umzekelo 1: Umsebenzi onxibe isikipa esinemibhalo yeqela elithile lezopolitiko ngethuba esemsebenzini, ekhupha iincwadi zezazisi usenokutyholwa njengomntu okhokelisa iingcinga zeqela lakhe lezopolitiko ezicalulayo ukuba uyalibazisa ukukhupha iincwadi zezazisi ngexesha elithile, nokuba isizathu sokulibazisa kwakhe singaphaya kwamandla akhe. Ngaphezu koko, omnye umntu usenokungayithandi into yokuba asetyenzwe ngumntu ophakamisa izimvo zeqela elithile lezopolitiko kwindawo ehanjwa ngumntu wonke.
Umzekelo 2: Umsebenzi othi avumele amalungu eqela elithile lezopolitiko ukuba afumane ingcaciso abanelungelo lokuyifumana bonke abantu, kodwa awalele amalungu elinye iqela lezopolitiko ukuba afikelele kuloo ngcaciso, uya kuba usilele ekunikezeleni iinkonzo kubo bonke abantu boMzantsi-Afrika ngaphandle kokukhetha iqela lezopolitiko.
UKWENZA UMSEBENZI
Umsebenzi uzama ngako konke anakho ukufezekisa iinjongo zesebe lakhe ngendlela engenazindleko nangokomnqweno woluntu jikelele.
Ekusebenzeni kwabo umhla nezolo, abasebenzi bamele ukuba bazibuze ukuba ingaba oko bakwenzayo kunegalelo ngenene na ekusetyenzelweni kwabantu okanye ingaba kuneziqhamo eziluxanduva lwesebe labo kusini na. Kodwa ke konke oku kufuna ukuba bonke abasebenzi babe nolwazi oluphangaleleyo lweenjongo zecandelo nesebe, ndawonye nemisebenzi yabo kumacandelo abakuwo.
Abaphathi kuwo onke amanqanaba kufuneka besoloko bezibuza ukuba ingaba umsebenzi owenziwa ngamacandelo abo usenegalelo elililo kusini na ekunikezelweni kweenkonzo, nto leyo iluxanduva lwesebe labo.
Abasebenzi nabaphathi kufuneka basoloko beyilumkele into yokwenza umsebenzi omele kwenziwa lelinye isebe.
Umzekelo 1: Umsebenzi udlala imidlalo yekhompyutha kwikhompyutha yaseofisini ngexesha lomsebenzi. Oku kujongela phantsi umoya wokuzinikezela kwabasebenzi kwaye kubiwa ixesha lomsebenzi (imali, ukutsho oko). Xa umsebenzi engenamsebenzi waneleyo anokuwenza kufuneka achazele umphathi wakhe khona ukuze abe nokusetyenziswa ngokupheleleyo ekufezekisweni kweenjongo zesebe elo.
Umzekelo 2: Umphathi wenkqubo yesabelo-mali okanye umphathi ojongene nolwabiwo-mali kufuneka akulumkele ukusetyenziswa kwemali karhulumente eselugcinweni lwakhe nejongene nenkqubo ethile. Oku kufuna isicwangciso esifanelekileyo, kungenziwa izigqibo kungacwangciswanga.
Umsebenzi kufuneka abe nobuchule bokucingisisa nobokwenza umsebenzi wakhe, kufuneka afune iindlela ezichubekileyo zokusombulula iingxaki, aphakamise ukulunga nobuchule ngokusemthethweni.
Abasebenzi kufuneka babandakanyeke ngokupheleleyo ekwenzeni umsebenzi wabo. Kufuneka besoloko bewufake engqondweni umsebenzi wabo ngalo lonke ixesha kwaye basebenze ngokukhawuleza nangendlela engcono khona ukuze bafumane ezihle iziqhamo zomsebenzi okanye zeenkonzo. Ngethuba lokusebenza, zibakho iingxaki ezininzi eziye zenzeke emsebenzini. Abasebenzi kufuneka besoloko bezama ukuzeyisa ezo ngxaki ngokukhawuleza nangokungcono kwaye kufuneka bezame kangangoko ukuba zingabuye zibekho ezo ngxaki.
Umzekelo 1: Ukuba umsebenzi osebenza kwicandelo elikhupha izatifikethi unolwazi lokuba abantu abanelisekanga yimigaqo elandelwayo nalixesha elithathwayo ukukhupha izatifikethi , kufuneka ecinge ngendlela ekhawulezileyo nechubekileyo ezinokukhutshwa ngayo izatifikethi. Aze acebise umphathi wakhe ngoko.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi osebenza eofisini esebenza ngabantu uqaphela ukuba abantu bayasokola ekufumaneni indawo yokumisa iimoto okanye kufuneka befole ixesha elide, kufuneka ecinge ngendlela enokusonjululwa ngayo loo ngxaki. Indawo leyo kusetyenzelwa kuyo abantu, mhlawumbi isenokususwa iye kubekwa kwindawo ephangaleleyo efikeleleka lula ebantwini okanye kusenokuvulwa ezinye iindawo zokunceda abantu.
Umsebenzi kufuneka awugqibe ngexesha elifanelekileyo umsebenzi wakhe.
Abasebenzi kufuneka baqonde ukuba umsebenzi wabo ubaluleke kakhulu kwaye umsebenzi wabo kufuneka wenziwe ungaphazanyiswa nanto ngokwengqwalaselo, ngokwexesha nangokwamandla. Eyona nto ibalulekileyo kukuba abasebenzi kufuneka bazame kangangoko ukuba umsebenzi wabo ugqitywe ngexesha elibekiweyo.
Abasebenzi kufuneka bazame ukubonisa ukuwukhuthalela umsebenzi wabo, ukuwazi, ukusebenza ngokuthembeka ngokwemigaqo ebekiweyo ngaphandle kokuxelelwa ukuba mabenze ntoni na.
Umzekelo 1: Umsebenzi ufika emsebenzini emva kwexesha, ediniwe kuba ebehleli epatini kwade kwasemva kwexesha ngephezolo kwaye akanakho ukwenza umsebenzi wakhe ngokufanelekileyo. Umsebenzi onjalo uya kuba netyala lokungakhathali nelokudlalisa ngemali yabarhafi.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi kufuneka egqibezele umsebenzi ongxamisekileyo ngomhla obekiweyo, kufuneka asebenze ngohlobo lokuba angawuphosi umhla obekiweyo. Oku kusenokufuna ukuba asebenze ngexesha lempungo, lesidlo sasemini nasemva komsebenzi okanye acele ukuncediswa ngoogxa bakhe ukuba umsebenzi mkhulu kakhulu ukuba ungagqitywa ngumntu omnye ngelo xesha ufuneka ngalo.
Umsebenzi kufuneka awenze umsebenzi wakhe ngobuchule nangobugcisa.
Abasebenzi kufuneka besoloko bezibuza ukuba ingaba bayaneliseka kusini na ngumsebenzi wabo nokuba ingaba bebeya kwaneliseka kusini na ukuba ubusenzelwa bona loo msebenzi. Kwakhona, abasebenzi kufuneka basoloko bezibuza ukuba ingaba babaphatha abanye (oogxa babo, abaphathi noluntu jikelele) ngendlela ehlonipha isidima sabo namalungelo abo na, nokuba ingaba babonisa ulwazi oluphangaleleyo, ububele, ukulungela ukunceda nesimo esichubekileyo kusini na. Isakhono sabo sokusebenza ngobuchule nangobugcisa siya kuxhomekeka kulwazi abanalo lomsebenzi wabo, nto leyo ingqina imfuneko yokusetyenziswa koqeqesho ngumqeshi nomsebenzi.
Umzekelo 1: Ngamanye amaxesha, umsebenzi osebenza ngaphaya kwekhawuntala uye adibane nomntu ongayiqondiyo into yokuba ezinye izinto zenziwe ngendlela ethile. Kwimeko enjalo umsebenzi akufuneki abe nomsindo, koko kufuneka achaze izizathu ngokupholileyo. Ukuba umntu lowo akakoneli, kufuneka umsebenzi amcebise ukuba makasibhale phantsi isikhalazo sakhe aze amnike idilesi esiya kuthunyelwa kuyo.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi nguye ekufuneka ephendule imibuzo ebhaliweyo esuka ebantwini, kufuneka aqinisekise ukuba yonke imibuzo yabantu iphendulwa ngokukhawuleza kwaye iimpendulo zichanekile, zicwangciswe ngesidima nangokufanelekileyo. Apho kungakwazekiyo ukuphendula ngokukhawuleza, umsebenzi kufuneka achaze ukuba uyifumene imbalelwano ngokukhawuleza.
Umzekelo 3: Umsebenzi osandula ukuqeshwa unikwa umsebenzi wekhawuntala engenamntu uza kumbonisa kwaye phambi kokuba afumane uqeqesho kuwo. Nangani kunokuthiwa umsebenzi lowo uchaphazelekayo uya kufunda "esemsebenzini", ayinakukhanyelwa into yokuba umonakalo onokwenzeka ngokubekwa komntu endaweni angayiqeqeshelwanga ingabeka ibala elibi kumqeshi xa loo msebenzi anokuthi agqwidize kungenjalo kufumaniseke ukuba abantu bayalibaziseka.
Umsebenzi akufuneki ukuba angenelele kwizenzo ezingahambisaniyo okanye ezinxamnye nokwenziwa komsebenzi wakhe.
Khona ukuze kube nokufunyanwa intembeko nokugcinwa kwayo kwinkonzo karhulumente, bonke abasebenzi balindeleke ukuba basebenze ngokuthembakala nangokuzinikela. Oku kufuna ukuba abasebenzi bangazibandakanyi, besemsebenzini okanye bengekho msebenzini, kwizinto -
a ezithathwa njengezobuqhophololo okanye zobusela;
b ezinokuphazamisana nomsebenzi wabo;
c ezinokuphembelela indlela abasebenza ngayo;
d ezinokuphembelela ukuthatha icala ekwenzeni izigqibo;
e ezinokubangela iintloni kuRhulumente njengomqeshi okanye f ezinokujongwa njengezidlelelela okanye ezenzelelela amanye amaqela.
Indlela abaziphatha ngayo abasebenzi emsebenzini nangaphandle komsebenzi kufuneka ibe yindlela abanokuthenjwa ngayo ngurhulumente nangabantu jikelele ukuba baya kuwenza ngentembeko umsebenzi wabo, bebeke phambili kuphela injongo yokukhonza uluntu ngokuchubekileyo.
Umzekelo 1: Umsebenzi osebenza ngokuhlolwa kwerhafu akufuneki ukuba athi ngexesha lomsebenzi okanye ngaphandle komsebenzi okanye njengendlela yokuzenzela umvuzo osecaleni, okanye njengesipho, ancedise abantu ukuba babe nokuphepha irhafu.
Umzekelo 2: Umsebenzi kufuneka angasebenzi kwibhodi yombutho / yeshishini esebenzisana nesebe lakhe.
Umsebenzi kufuneka azikhwebule kwisenzo, kwinkqubo yothatho-zigqibo enokukhokelela ekubeni afumane inzuzo ngendlela engafanelekanga kwaye oku kufuneka kuchaziwe ngumsebenzi.
Nanini na xa abasebenzi bebona ukuba abanakho ukungathathi cala emsebenzini wabo okanye ekwenzeni isigqibo okanye xa abanye abantu benenkolo yokuba abanakho ukungathathi icala ngenxa yokubandakanyeka okuthile kwenye into, kufuneka barhoxe ngoko nangoko kuloo mba uphethweyo ngenjongo yokukhusela urhulumente angabekwa ibala, koko asoloko ebonakala ekhathalele ubulungisa, intembeko nokuthembakala kweenkonzo zikarhulumente.
Umzekelo 1: Ukuba umsebenzi usebenza kwigqiza elichophele izicelo zomsebenzi aze afumanise ukuba kukho umntu osisihlobo sakhe ofake isicelo naye kwaye ukhethelwe udliwano-ndlebe, loo msebenzi kufuneka azikhwebule, angabikho kuloo nkqubo njengoko engayi kukwazi ukungathathi cala. Umsebenzi lowo kufuneka akuchaze oku ngokubhala phantsi.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi ubandakanyeka ekuthengweni komhlaba kulungiselelwa iphulo likarhulumente kwaye omnye wemihlaba yeyesihlobo sakhe, umsebenzi kufuneka akuchaze oku kwabangentla kuye aze azikhwebule angabikho kuloo nkqubo yothengo-mhlaba.
Umsebenzi uyalwamkela uxanduva lokufumaneka kwiinkqubo zoqeqesho eziqhutywayo nokuziphuhlisa ngokwakhe ngalo lonke ithuba lokusebenza kwakhe.
Luxanduva lwabaphathi ukuqinisekisa ukuba abasebenzi abaphantsi kwabo bafumana uqeqesho oluqhubayo khona ukuze babe nokusebenza bengaxhomekekanga mntwini kwanokubaxhobisela ithuba elizayo. Kodwa ke umsebenzi ngamnye unoxanduva lokuthatha amanyathelo afanelekileyo okuqinisekisa ukuba -
a unolwazi oluphangaleleyo kwaye eyiqonda kakuhle eyona nto ilindelekileyo kuye njengomsebenzi karhulumente;
b unolwazi oluphangaleleyo kwaye eyiqonda indlela ekufuneka ewenze ngayo umsebenzi wakhe kwaye c ezixhobisa ngolwazi nangezakhono ngenjongo yokuba abe nokusetyenziswa kwizikhundla eziphezulu kwixesha elizayo.
Umzekelo 1: Ukuba umsebenzi omtsha akaqinisekanga ngendlela yokwenza nawuphi na umsebenzi wakhe, kufuneka ajonge kumacandelo amisela imisebenzi echaphazelekayo kwaye kufuneka afune uncedo koogxa bakhe nakumphathi wakhe.
Umsebenzi 2: Abasebenzi esele kukudala besebenzela urhulumente basenokubonakalisa ulwazi oluhexayo kwezinye iinkalo zemisebenzi yabo. Bangancedakala xa benokusebenzisa naliphi na ithuba abalifumanayo loqeqesho, umzekelo njengokwenza iikhosi eziphathelele kwimisebenzi yabo okanye ukuqhubela phambili nokufunda.
Umsebenzi uya kuthembeka, abe noxanduva lokuphendula xa esebenza ngemali karhulumente kwaye kufuneka asebenzise impahla karhulumente nezinye izixhobo ngokufanelekileyo, ngobuchule kwaye azisebenzisele iinjongo ezenzelwe zona.
Abantu babeka amathemba abo kubasebenzi bakarhulumente ngokuphathelele kwizinto zikarhulumente, impahla nemali karhulumente, kwaye balindele ukuba abasebenzi bakarhulumente baya kuziphatha kakuhle nangokuthembeka.
Abasebenzi bakwalindeleke ukuba balondoloze ngendlela abasebenzisa ngayo impahla nemali karhulumente. Kubalulekile ukuba abasebenzi bazi ukuba okona iindleko zikarhulumente zigcinwa ziphantsi, kokukhona kunokunikezelwa ngeenkonzo ezikumgangatho ophezulu elizweni kusetyenziswa ezo zinto zikhoyo.
Umzekelo 1: Ukuba umsebenzi unomatshini wokuthumela imiyalezo ebhaliweyo, akufuneki ukuba asebenzise loo matshini ukufumana nokuthumela imiyalezo yakhe yabucala, esenza ngathi yimiyalezo yomsebenzi. Xa umsebenzi efuna ukuthumela umyalezo wakhe osecaleni, makafumane imvume yokwenza njalo, aze kwakhona akuhlawulele oko.
Umzekelo 2: Umsebenzi usebenzisa izinto zikarhulumente (iimoto, oomatshini, ifenishala, njl.) ngokungakhathali aze abangele umonakalo. Oku kuthetha inkcitho yemali karhulumente nomgangatho ophantsi womsebenzi, nto leyo ingafanelekanga.
Umzekelo 3: Umsebenzi usebenzisa impahla karhulumente (nayiphi na into ukususela kwiphepha, iipenisile ukuya ezimotweni) kwizinto zakhe ezisecaleni. Oku akufanelekanga kuba umsebenzi lowo akabeli kuphela urhulumente nabarhafi, koko wenza nokuba abantu bangayihloniphi inkonzo karhulumente.
Umsebenzi kufuneka aphakamise ulawulo olusulungekileyo, oluchubekileyo, olufanelekileyo, olusekuhleni nolunoxanduva lokuphendula.
Ukuphakanyiswa kolawulo olusulungekileyo, oluchubekileyo, olufanelekileyo, olusekuhleni nolunoxanduva lokuphendula kuthetha ukuba wonke ummi welizwe kufuneka efumene inkonzo echubekileyo, enoncedo nenobubele kungajongwanga iwonga lakhe, isini, ubuhlanga, njl.
Ekunikezelweni kolawulo olusulungekileyo, oluchubekileyo nolunoxanduva lokuphendula, izithethe nemigaqo ephambili yomGaqo-siseko kufuneka isoloko ikhunjulwa. Abasebenzi kufuneka ngawo onke amaxesha bazame ukuwugqiba umsebenzi wabo ngaphandle kokulibazisa, kwaye kufuneka besoloko besenza imigudu yokuvelisa umsebenzi osemgangathweni, akukhathalisekanga nokuba umsebenzi lowo ukhangeleka ungabalulekanga kuyaphi.
Umzekelo 1: Ukuba umsebenzi uyalelwa ukuba enze iikopi zamaxwebhu kumatshini wokufota, kopi ezo ziza kuthunyelwa neeleta kwiindawo ezininzi, ezo kopi kufuneka zicoceke kuba oko kuya kubeka ibala elihle kwisebe elo lithumela ezo kopi.
Umzekelo 2: Umsebenzi onoxanduva lokulawula izithuthi zikarhulumente kufuneka aqinisekise ukuba iincwadi zazo zonke iimoto ezabelwe icandelo lakhe, zifakwe ngethuba kwaye yonke imigama ehanjiweyo ibhalwe ngokuchanekileyo.
Umzekelo 3: Yonke into yomsebenzi eyenziweyo kufuneka ibhalwe ngokucacileyo khona ukuze yonke imigaqo elandelweyo nezinto eziye zaqwalaselwa zibe nokucaca xa kunokubakho into ephendulisayo kamva. Oku kuya kuphakamisa ukwenzelwa kwezinto ekuhleni.
Xa umsebenzi esemsebenzini wakhe kufuneka enike ingxelo kumagosa afanelekileyo ngobuqhetseba, urhwaphilizo, ukuqeshwa kwezihlobo, ulawulo olutenxileyo nangaso nasiphi na isenzo esijongwa njengolwaphulo-mthetho okanye esidlelelela abanye abantu.
Urhwaphilizo kukuphelelwa zizazela okugqibe yonke indawo kwaye kubhekiselele ikakhulu ekunyobeni nakubuqhetseba. Ludla ngokuhamba nezinye iindidi zolwaphulo-mthetho njengokuthengisa impahla, uthutho lweziyobisi, ukufakwa kwabasebenzi abangekhoyo kumqulu wabasebenzi, ubuqhetseba nolwaphulo-mthetho olucetyiweyo olunokudodobalisa uqoqosho lwelizwe. Okokuqala, luyimeko yokuphela kobuntu ebantwini kwaye luyingozi enkulu kulo nakuluphi na uluntu. Ludla ngokukhuthazwa ngumkhwa othi "tyeba ngokukhawuleza". Okwesibini, lujongela phantsi inkqubo yopolitiko efanelekileyo ngokuthi lutshabalalise intembeko nokuzithemba ngoba xa ulawulo lukarhulumente lungathenjwa, loo nto idala umoya wokungabikho kozinzo nemeko yokungathotyelwa komthetho. Okwesithathu, ludodobalisa uqoqosho. Lukwenza oku ngokuthi luphelise umdla wotyalo-mali ngoosomashishini bangaphandle nabangaphakathi. Urhwaphilizo lutshabalalisa ubuntu ebantwini kuze kuphele intembeko nokuzithemba kwilizwe lethu ledemokhrasi. Kufanele ukuba silulwe luphele nya urhwaphilizo.
Ngumsebenzi wabo bonke abasebenzi ukunika ingxelo kubaphathi babo okanye kwabasemagunyeni, ngaso nasiphi na isenzo esingekho mthethweni, isenzo sokungathembakali okanye isenzo sorhwaphilizo, bakwenze oko kwangoko nje emva kokubhaqa urhwaphilizo. Urhwaphilizo ludla ngokubangelwa kukungabikho kweendlela zokuziphatha emsebenzini, ukungabikho koxanduva lokuphendula nakukuqeshwa kwezihlobo emisebenzini.
Umzekelo 1: Umsebenzi othutha abasebenzi qho ngesithuthi sikarhulumente uyavunyelwa ukuba asigcine isithuthi eso endlwini yakhe. Oogxa bakhe baqaphela ukuba lo msebenzi usebenzisa esi sithuthi njengeteksi ukuzenzela imalana esecaleni. Kufuneka baxelele umphathi wakhe ngoko. Ukuba akukho manyathelo athatyathwayo, loo mba usenokuchazwa kuMkhuseli woLuntu.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi kwiSebe lezoThutho ukhupha amatikiti kubaqhubi abangawuthobeliyo umthetho unikwa imali ngumqhubi emnyoba, kufuneka amxele loo mqhubi unyobayo khona ukuze abe nokutshutshiswa. Ukuba umsebenzi wamkela ukunyotywa unetyala lorhwaphilizo.
Umzekelo 3: Umsebenzi akabandakanyeki kwizenzo zorhwaphilizo kodwa unoogxa bakhe abaziyo ukuba bayabandakanyeka. Ukuba lo msebenzi ukhetha ukuthula, angazichazi ezi zenzo zigwenxa, uya kuba akawenzi umsebenzi wakhe woxanduva lokulwa intembeko kwiinkonzo zikarhulumente. Ngolo hlobo uba ngumncedisi kulwaphulo-mthetho lorhwaphilizo.
Umsebenzi uya kunika icebiso elithembekileyo nelingathathi cala elisekelwe kwingcaciso echanekileyo ekhoyo, kwabasemagunyeni abangentla kunaye xa ethe wacelwa ukuba enze oko.
Nanini na xa abasebenzi bathe bacelwa ukuba bacebise nawuphi na umsebenzi osemagunyeni ngomba othile, kufuneka bemcebise ngobuchule nangentembeko ngokwemiqathango yendlela yokuziphatha emsebenzini. Icebiso elo akufuneki ukuba liphenjelelwe zizinto ezithandwayo nazezingathandwayo ngumsebenzi lowo uceliweyo.
Umzekelo: Umsebenzi ophethe umba wesikhalazo sogxa wakhe anovelwano ngaye, akufuneki ukuba abe nenkcazelo ayifihlayo kubaphathi ngenjongo yokwenza isikhalazo eso ukuba sivakale. Ukufihlwa kwenkcazelo kule meko kungabangela ukuba isebe okanye ulawulo lungasebenzi kakuhle.
Umsebenzi uya kuthobela ubumfihlelo bemibandela, bamaxwebhu neengxoxo ezithathwa njengeziyimfihlelo okanye ezilihlebo.
Ukwenzelwa kwezinto ekuhleni okanye ukungafihli nto kuthetha ukuba, phakathi kwezinye izinto, wonke umntu unelungelo lokufumana ingcaciso eselugcinweni lukarhulumente ukuba loo ngcaciso ifunelwa ukukhusela amalungelo athile omntu. Kodwa ke naxa kunjalo, ikho ingcaciso enokuthathwa njengeyimfihlelo. Kwimeko enjalo, luxanduva lomsebenzi ukuthobela ubumfihlelo njengoko ukuthiwa pahaha kwaloo ngcaciso kusenokumbeka kwimeko embi urhulumente.
Umzekelo 1: Iya kuba sisenzo esingalunganga ukuba umsebenzi anikezele ngengxelo eyimfihlelo kumaphepha-ndaba njengengcaciso ebhalelwa abaphathiswa okanye njengomgaqo-nkqubo oqulunqwayo worhulumente ophetheyo.
Umzekelo 2: Ingcaciso egcinwe kwiifayile zabasebenzi ithathwa njengengcaciso eyimfihlelo kwaye kufuneka ithathwe ngolo hlobo ngalo lonke ixesha. Le ngcaciso, umzekelo, akunakunikezelwa ngayo kumaqumrhu eeinshorensi okanye kulo naliphi na iqela langaphandle ngaphandle kokuba kukho isizathu esamkelekileyo esinokubangela oko kwaye nayo igunyaziswe ngokufanelekileyo ukuba ikhutshwe.
Umzekelo 3: UNXIBELELWANO NGEZINTO ZOMBANE
Ingcaciso enobuzaza neyimfihlelo ingathunyelwa ngefeksi kuphela xa kungekho ndlela iyenye ekhuselekileyo enokuthunyelwa ngayo. Ukuthunyelwa kwengcaciso ngefeksi kufuneka kugunyaziswe ngumntu oyithumelayo nangulowo ithunyelwa kuye phambi kokuba ithunyelwe. Ingcaciso echazwe njengeyimfihlelo engaphaya nelihlelo eliphezulu ingaze ithunyelwe ngomatshini osetyenziswa ngumntu wonke ngaphandle kokuba kukho imiqathango yokhuseleko eya kuthatyathwa. Kuzo zonke iimeko, ingcaciso kufuneka ikhuselwe ngokutshixelwa nokuba itshixelwe ngayiphi indlela enokutshixelwa ngayo.
UKULAWULA UKUNGENA KUMASANGO: Iindidi ezininzi zengcaciso kufuneka zifumaneke kubantu abathile nakwabo kulindeleke ukuba bayisebenzise. Ukufumaneka kwengcaciso kufuneka kulawulwe. Amalungelo okufumana ingcaciso kufuneka kuqwalasele indlela yokusebenza kweshishini. Amagama okungena kwikhompyutha kufuneka kungabolekiswana ngawo konkekonke. Ukusetyenziswa kwezixhobo zokuvula komntu ekude kufuneka kubekwe phantsi kweliso elibukhali ngokufaniswa, ngokwaziwa okugqibeleleyo nangokusetyenziswa kweendlela zokucupha. Ukungena kumasango abanye abantu kuvumeleke kuphela apho kunokubakho ingozi engephi okanye kungekho ngozi inokubakho.
I-IMEYILE NESIKHUNDLA SENTUNGELWANO: Kufuneka zisetyenziselwe iinjongo zoshishino, zingasetyenziselwa ukumosha neenjongo ezingekho mthethweni. Ukuthunyelwa kwengcaciso enobuzaza kufuneka kukhatshwe yindlela yokucupha efanelekileyo nayintsayino-gama yombane ekumgangatho ophezulu. Kufuneka kusoloko kukhangelwa ukuba iikhompyutha azinantsholongwane kwaye iimbalelwano ezikrokrelekayo mazingavulwa. Lumkela ulwaphulo-mthetho lwamalungelo oshicilelo. Ngqinisisa ingcaciso nemvelaphi yolwazi. Imiba engafanelekanga kufuneka isefwe.
UKUKHUSELA INGCACISO: Ingcaciso eyimfihlelo kufuneka ithunyelwe ngendlela enokucupha ngalo lonke ixesha. Imiqathango yokuliwa kolwaphulo-mthetho kwiibhulorho zokhuseleko kufuneka ibekwe phambili kwaye baxelelwe bonke abasebenzi ngayo. Isidima sobungasese nobumfihlelo zizinto ekufuneka ziqwalaselwe ngawo onke amaxesha. Indlela eya kuphathwa ngayo ingcaciso ngabantu ethunyelwa kubo kufuneka ichazwe phambi kokuba ibe nokuthunyelwa ingcaciso leyo. Ukhuseleko lwengcaciso malungapheleli kuphela kumagama okungena kwikhompyutha, koko kufuneka kukhangelwe nezinye iindlela. Ngabasebenzi abagunyazisiweyo kuphela ekufuneka bathethe namajelo eendaba. Incoko eyenziwa kumajelo eendaba kufuneka icetywe ngocoselelo kwaye kufuneka ihambe ngokwemigaqo ebekiweyo. Iidilesi neenombolo zeefeksi kufuneka kuqinisekiswe ngazo phambi kokuthunyelwa kwengcaciso.
UKUTHINTELWA KOLWAPHULO-MTHETHO LONXIBELELWANO: Uthintelo lolwaphulo-mthetho lonxibelelwano kufuneka lugcinwe lukumgangatho ophezulu. Uvavanyo lobungozi kufuneka lusoloko lusenziwa ngamathuba athile ngenjongo yokunciphisa amathuba ohlaselo. Kufuneka kuqinisekiswe ngamandla okulungisa ngokukhawuleza. Ubungqina mabungaliwa ngenxa yokuba bukwisixhobo sombane. Ulwaphulo-mthetho lonxibelelwano lunesohlwayo ngokomthetho ngokuphathelele kumThetho woNxibelelwano nokuSebenza ngoMbane, umThetho wokukhawulela nokuJonga neminye imithetho yolwaphulo-mthetho. Abasebenzi kufuneka basoloko behleli bethe qwa.
UKUZIPHATHA NOMDLA KWIZINTO EZISECALENI
Umsebenzi xa esemsebenzini kufuneka enxibe aze aziphathe ngendlela edumisa iinkonzo zikarhulumente.
Urhulumente noluntu balindele umgangatho ophezulu wobugcisa kubasebenzi bakarhulumente. Ubugcisa ekuthethwa ngabo apha kukufika ngethuba emsebenzini, ukusungula izinto, ukuzinikela, ubuchule nomgangatho ekwenzeni umsebenzi. Isinxibo kufuneka sisoloko sicocekile, sindilisekile kwaye sihloniphekile. Abasebenzi, ingakumbi abo basebenza ngqo nabantu ngokubanzi, kufuneka bakulumkele ukunxiba ngokungakhathali okanye ngendlela engajongekiyo.
Umzekelo 1: Abasebenzi, ingakumbi abo basebenza ngqo nabantu ngokubanzi, akufuneki ukuba banxibe iihempe ezikrazukileyo okanye iibhulukhwe zejin ezinemigqobho.
Umzekelo 2: Akukho msebenzi karhulumente uya kuya emsebenzini emdaka. Ukuba umsebenzi, umzekelo, osebenza kwisango lokungena abatyeleli bamazwe ngamazwe, ufika emsebenzini engazichebanga iindevu kwaye enevumba lotywala, uya kuba ubeka ibala elibi kwinkonzo karhulumente nto leyo iya kuchaphazela ilizwe loMzantsi-Afrika.
Umsebenzi kufuneka aziphathe ngokufanelekileyo ngokuphathelele ekusetyenzisweni kweziselo ezinxilisayo nakwezinye izinto eziyelele kwezo.
Akufuneki, naphantsi kwayiphi na imeko, ukuba abasebenzi babe phantsi kweempembelelo zotywala okanye zayo nayiphi na into esisinxilisi xa esemsebenzini. Ngaphandle nje kwehlazo elinokuba sisiqhamo soko, ukuba phantsi kweempembelelo emsebenzini kungayichaphazela indlela asebenza ngayo umsebenzi lowo kwanendlela athetha ngayo nabanye abasebenzi kwanabantu jikelele.
Umoya omhle phakathi kwabasebenzi nomoya omhle wentsebenziswano zizinto ezibaluleke kakhulu kumsebenzi wesebe ngalinye. Akufuneki ukuba abasebenzi bazihlazise phambi kwabanye abasebenzi ngokusebenzisa izinxilisi ngexesha lomsebenzi.
Nokuba umsebenzi akakho msebenzini, usoloko engumsebenzi karhulumente, ngoko ke kufuneka asoloko eziphatha ngendlela efanelekileyo ukuze angahlazisi inkonzo karhulumente.
Umzekelo 1: Umphathi wabasebenzi othi azintyintye kakhulu kwitheko labasebenzi aze anxile, uya kuba uzihlazisile kubaphathi abangentla kuye, koogxa bakhe nakubasebenzi abaphetheyo. Loo nto ingawuchaphazela nomgangatho womsebenzi wecandelo lakhe.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi, ingakumbi osebenza nabantu, ufika emsebenzini enevumba lotywala (okanye enxilile), lowo uya kuba netyala lokungakwazi kuziphatha kwaye isimilo esinjalo siya kubeka ibala elibi inkonzo karhulumente sithobe nmgangatho womsebenzi. Kukwabalulekile nokwazi ukuba isimilo esilolo hlobo sithathwa njengokungakwazi ukuziphatha kwaye umsebenzi ochaphazelekayo umele kubekwa ityala ngesimilo esilolo hlobo.
Umsebenzi akanalungelo lokufumana okanye lokwamkela naziphi na izipho zangasese, inzuzo okanye imali (into exabiso lingaphezulu kunama-R350) ngaphandle kwemvume ebhalwe yiNtloko yeSebe, kuye nakuwuphi na umntu ngethuba esemsebenzini njengoko ezo zinto zinokuthathwa njengokunyoba.
Xa umntu eqeshwa kwinkonzo karhulumente, ukuqeshwa kwakhe kunentsingiselo ebalulekileyo. Ukuqeshwa kwakhe kuthetha ukuba loo mntu uthengisa ngamandla akhe kurhulumente kwaye uya kuvuzwa ngemali eqokelelwe ebantwini njengerhafu. Yena kufuneka anikezele kuluntu ngenkonzo eqaqambileyo ngobugcisa nangokuzinikezela okungenambaliso.
Kufuneka icace gca kubasebenzi bakarhulumente nakuluntu ngokubanzi into yokuba, ngaphandle kwemali eyintlawulo ngokusemthethweni ehlawulelwa izinto ezinjengokukhutshwa kwencwadi yesazisi, akukho mali okanye nto iyenye iya kukhutshwa nguye nawuphi na umntu. Lo mgaqo kufuneka ufakwe kuwo onke amaxwebhu enkonzo kwaye kufuneka ubekwe kwindawo esemehlweni abantu kwizakhiwo zikarhulumente khona ukuze ube nokubonakala ngokucacileyo. Xa kukho intlawulo efunekayo ngenkonzo ethile, oko kufuneka kubonakaliswe kwixwebhu (kwisicelo).
Ngokunjalo, amashishini akumacandelo angasese, abathengisa ngempahla, kufuneka baziswe ukuba iinkonzo zikarhulumente zibotshelelwe yimigaqo yomGaqo-siseko elawula ulawulo lukarhulumente olufuna owona mgangatho uphezulu wendlela yokuziphatha ngesidima. Izipho, amalizo, izinto ezaziswa eluntwini, izimemelo ezidlweni, njl. kufuneka zingabi yinxalenye yezenzo zokwazisa uluntu kwiinkonzo zikarhulumente njengoko ziya kuthathwa njengezinto eziphembelela abathathi-zigqibo kwaye kwakhona zinokuvula amathuba okhuphiswano olungenabulungisa apho oosomashishini abancinane bengenakuba nakho ukukhuphisana kumgangatho ophezulu.
Njengoko lo isoloko ingumba onobuzaza kakhulu, oku kulandelayo kujolise ekubeni kusebenze njengesikhokelo esiya kukhokela amasebe kulo mba. Akulula ukunika amasebe izikhokelo ezigqibeleleyo, ngoko ke amasebe kufuneka acothele iKhomishini yeNkonzo kaRhulumente apho anokufumana khona iingcebiso xa ethandabuza ngendlela amakahambe ngayo xa ephethe imiba ethile.
Ukwamkelwa kwezipho okanye kwemali kuye nawuphi na umntu okanye indawo efuna ukulungiselelwa umba othile, ephethe umcimbi othile nesebe okanye eyenza umsebenzi ophicothwa ngabasebenzi bakarhulumente, kuya kwamkelwa kuphela ngemvume ebhalwe phantsi yeNtloko yeSebe.
Kubalulekile ukuqaphela ukuba izipho nezibele ezisuka kwindawo ethile, zingesuki kusapho kufuneka zichazwe. Izipho okanye inzuzo ekufuneka zichaziwe zezo zithe kratya kwixabiso lama-R350. Abasebenzi basenokucothela iKhomishini yeNkonzo kaRhulumente xa bengaqinisekanga ngokwamkelwa kwezipho.
Umsebenzi akufuneki asebenzise okanye anikezele ngayo nayiphi na ingcaciso karhulumente ngenjongo yokuzuza yena buqu okanye yokuzuzisa abanye abantu.
Abasebenzi abathi emsebenzini wabo, ngamathuba amaninzi, bagagane neenkcukacha ezinobuzaza, eziyimfihlelo okanye ezingamahlebo akufuneki bazithi pahaha ezo nkcukacha ngaphandle kwemvume yokwenza njalo. Ingcaciso akufuneki kunikiswe ngayo okanye isetyenziselwe ukuzuza komsebenzi okanye kwabantu abangabanye okanye isetyenziswe njengesixhobo esijolise ekwenzakaliseni omnye umntu. Kubalulekile ukuba abasebenzi baqwalaselisise ukuba ingaba ukudizwa kwengcaciso kusemdleni weenkonzo zikarhulumente kusini na. Kufuneka abasebenzi baqaphele ukuba ukwenzelwa kwezinto ekuhleni akuthethi ukunika nabani na ingcaciso okanye ukudizwa kwengcaciso. Njengoko kungalulanga ukunika izikhokelo ezigqibeleleyo ngokuba yiyiphi ingcaciso ekunokunikezelwa ngayo nokuba kubani na, abasebenzi bayanqonqoziswa ukuba baqale bafumane imvume kwabaphetheyo xa bengaqinisekanga.
Umzekelo 1: Ukudizwa kwendlela yokhetho okanye ukuchazwa kwemibuzo ebuzwa abaceli-msebenzi kwabanye babaceli-msebenzi, akuyi kwenzelelela abaceli-msebenzi kuphela koko kuya kujongela phantsi amalungelo abanye abaceli-msebenzi okuba namathuba afanayo okucela isithuba somsebenzi.
Umzekelo 2: Ukuba umsebenzi uthi, ngenxa yomsebenzi wakhe, abe nolwazi ngephulo likarhulumente eliya kunyusa amaxabiso ezindlu kwingingqi ethile, umsebenzi lowo akufuneki ukuba asebenzise loo ngcaciso ngenjongo yokuzityebisa yena okanye yokutyebisa izihlobo okanye abahlobo bakhe.
Umsebenzi akufuneki enze, ngaphandle kwemvume, umsebenzi wangaphandle ahlawulwayo ngawo okanye asebenzise impahla zomsebenzi wakhe ukwenza loo msebenzi wangaphandle.
Abasebenzi balindeleke ukuba basebenzise ingqwalaselo yabo, ixesha labo nesakhono sabo kwinkonzo karhulumente njengomqeshi. Ubume neemfuno zomsebenzi weenkonzo zikarhulumente aziyivumeli into yokuba umsebenzi anganakho ukwenza umsebenzi wangaphandle awuhlawulelwayo ngaphandle kokuphazamisana nomsebenzi wakhe awuqeshelweyo. Kunyanzelekile ke ngoko ukuba umsebenzi afumane imvume kuqala yokwenza umsebenzi osecaleni emva kwexesha lomsebenzi.
Umzekelo 1: Umsebenzi ungena kushishino nomnye umntu. Benza isivumelwano sokuba kufuneka abe semsebenzini weshishini elo ukuphuma kwakhe emsebenzini. Kuthi ngelishwa emsebenzini wakhe kunyanzeleke ukuba makasebenze emva kwexesha lesiqhelo lomsebenzi. Isiqhamo soku singakhokelela ekungazalisekiseni komdla wakhe, ekudaneni nasekubeni ingqondo yakhe ingabikho emsebenzini wakhe ngalo lonke ixesha.
Umzekelo 2: Ugqirha oqeshwe ngurhulumente akanakusebenzela enye indawo ngamathuba asemva komsebenzi wakhe, apho ahlawulwa umvuzo khona okanye asebenzise impahla karhulumente kunye / okanye amayeza, ngaphandle kwemvume yentloko yesebe lakhe.
Umzekelo 3: Umsebenzi usebenza kwenye indawo emva kwexesha lomsebenzi wakhe, into ethetha ukuba ulala sebugabadele kakhulu ubusuku. Oku kukhokelela ekubeni umsebenzi ozele emini angakwazi ukusebenza ngesantya alindeleke ukuba asebenze ngaso. Asinto inqwenelekayo le kwaye kukudlala ngemali yabarhafi.
ISAHLUKO 2
UMGAQO WOKUZIPHATHA WENKONZO KARHULUMENTE
A. INJONGO
A.1 Khona ukuze kube nokufezekiswa imiqathango yomgaqo-siseko ngokuphathelele kwiNkonzo kaRhulumente, bonke abasebenzi balindeleke ukuba bathobele umGaqo wokuziPhatha okhankanywa kwesi sahluko.
A.2 UmGaqo lo umele ukuba ube sisikhokelo kubasebenzi esibakhombisa ngokulindelekileyo kubo ngokuphathelele kwindlela amabaziphathe ngayo xa bebodwa naxa bephakathi kwabanye abasebenzi. Ukuthotyelwa komGaqo kunganeziphumo zokuphakamisa isidima kwanokuqinisekisa ngentembeko kwiNkonzo kaRhulumente.
B IMBULAMBETHE
B.1 Ikho imfuneko yokunika isikhokelo kubasebenzi esiphathelele kubudlelwane babo nendlu yowiso-mthetho, namalungu epalamente, nabaphathiswa, nabanye abasebenzi kwanabantu jikelele, kwanesikhokelo sokubonisa umoya abamele kuwenza ngawo umsebenzi wabo, sokubonisa into emele kwenziwa ukuphepha ukuba nomdla kwabo kwezinye izinto kwanendlela abalindeleke ukuba baziphathe ngayo emsebenzini nangaphandle komsebenzi.
B.2 Nangona umGaqo wokuziPhatha waqulunqwa kujongwe nkalo zonke, kodwa akunakuthiwa ngumgaqo ofikelele kuyo yonke imigaqo emisela imigangatho yokuziphatha. Ngoko ke, iintloko zamasebe, ngenxa yoxanduva lwazo ngokwemiqathango yecandelo 7 (b) lomThetho lwabaphathi nolawulo olunempumelelo lwamasebe abo nokubethelela ukuziphatha kakuhle, kufuneka, phakathi kwezinye izinto, ziqinisekise ukuba indlela abaziphethe ngayo abasebenzi abaphantsi kwabo ihambelana nezithethe nemigaqo esisiseko elawula ulawulo lukarhulumente kwanemigangatho ebekwe ngumThetho. Iintloko zamasebe zifanele ukuba ziqinisekise okokuba abasebenzi bazo bayayazi le migaqo nokuba bayayamkela kwaye bekulungele ukuyithobela.
Injongo ephambili yomGaqo wokuziPhatha yelungileyo kuba iphakamisa ukuziphatha okungumzekelo. Ngoko ke umsebenzi uya kubekwa ityala lokuziphatha kakubi kwaye usenokohlwaywa ngokwemiqathango yesivumelwano esiphakathi komqeshi nabasebenzi ukuba uye wathi waphikisana nawo nawuphi na umqathango womGaqo wokuziPhatha okanye xa athe wasilela ukuthobela nawuphi na umqathango walo mgaqo.
C. UMGAQO WOKUZIPHATHA
C.1 UBUDLELWANE NENDLU YOWISO-MTHETHO NABAPHATHISWA
Umsebenzi -
C.1.1 kufuneka athembeke kwiRiphabhlikhi aze athobele umGaqo-siseko, alawulwe nguwo ekwenzeni umsebenzi wakhe;
C.1.2 abeke phambili umdla wabantu emsebenzini wakhe;
C.1.3 aphumeze ngokuthembekileyo imigaqo-nkqubo yorhulumente ophetheyo xa esenza umsebenzi wakhe njengoko ichaziwe kuzo zonke iincwadi zemithetho nakweminye imiqulu;
C.1.4 azame ukuziqhelanisa abuye athobele yonke imithetho ebhaliweyo neminye imiyalelo emayela nokuziphatha kwakhe nemayela nomsebenzi wakhe aze
C.1.5 asebenzisane namaziko karhulumente amiselwe phantsi komthetho nomGaqo-siseko ekuphakamiseni umdla woluntu.
C.2 UBUDLELWANE NOLUNTU
Umsebenzi -
C.2.1 kufuneka aphakamise ubunye nentlalontle kwisizwe soMzantsi-Afrika ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe;
C.2.2 uya kukhonza uluntu ngokungakhethiyo nangokufanayo ukuze kube nokudaleka intembeko kwiNkonzo kaRhulumente;
C.2.3 uya kuba nembeko, abe noncedo aze afikeleleke xa esebenza noluntu, aze, ngawo onke amaxesha abaphathe abantu ngobubele kuba benelungelo lokufumana inkonzo ekumgangatho ophakamileyo;
C.2.4 uya kuba novelwano ziimeko neenkxalabo zoluntu xa esemsebenzini naxa ethatha izigqibo ezibachaphazelayo;
C.2.5 uya kuzinikezela emsebenzini wakhe ngokuthi akhawulezise iinkonzo ezijoliswe kuphuhliso nasekuphakamiseni abemi boMzantsi-Afrika;
C.2.6 akayi kucalula nawuphi na umntu ngenxa yobuhlanga, yesini, yobuzwe okanye yemvelaphi, yebala, yokutyekela kwicala elithile ngokwesini, yobudala, yokukhubazeka, yenkolo, yezopolitiko, yesazela, yenkolelo, yenkcubeko okanye ulwimi;
C.2.7 akayi kusisebenzisa ngendlela engafanelekanga isikhundla sakhe kwiNkonzo kaRhulumente ngenjongo yokwenzelelela okanye yokudlelelela naliphi na iqela lezopolitiko okanye iqela elizimeleyo;
C.2.8 uya kuhlonipha aze akhusele isidima somntu wonke kunye namalungelo akhe njengoko echatshazelwe kumGaqo-siseko aze
C.2.9 anakane ilungelo labantu lokufumana ingcaciso, ngaphandle kwengcaciso ekhuselwe ngumthetho.
C.3 UBUDLELWANE PHAKATHI KWABASEBENZI
Umsebenzi -
C.3.1 kufuneka asebenzisane ngokupheleleyo nabanye abasebenzi ngenjongo yokuqhubela phambili inkonzo yoluntu;
C.3.2 kufuneka alandele yonke imiyalelo efanelekileyo esuka kubasebenzi abagunyazisiweyo ukuba bakhuphe imiyalelo, kodwa ke ingabi yimiyalelo enxamnye nemiqathango yomGaqo-siseko kunye / okanye nawo nawuphi na umthetho;
C.3.3 kufuneka azikhwebule ekwenzeleleleni izihlobo nabahlobo kwizinto ezimayela nomsebenzi, kwaye kwakhona angakhe asebenzise igunya lakhe ngokungafanelekanga okanye aphembelele omnye umsebenzi okanye yena aphenjelelwe ukuba asebenzise igunya lakhe ngokungafanelekanga;
C.3.4 kufuneka asebenzise amajelo afanelekileyo ukuvakalisa izikhalazo okanye ukwenza inkcazo yakhe ebhaliweyo;
C.3.5 kufuneka azinikezele kuphuhliso olukumgangatho ophezulu, inkuthazo nokusetyenziswa kwabasebenzi nasekuphakamiseni ubudlelwane obububo phakathi komqeshi nabasebenzi;
C.3.6 kufuneka asebenzisane ngobubele, ngesidima nangokufanayo nabo bonke abasebenzi engajonganga buhlanga, sini, buzwe okanye mvelaphi ngokobuhlanga, bala, kutyekela kwicala elithile ngokwesini, budala, kukhubazeka, nkolo, qela lapolitiko, sazela, nkolelo, nkcubeko okanye lwimi kwaye
C.3.7 uya kuzikhwebula ekwenzeni umsebenzi weqela lezopolitiko xa esemsebenzini.
C.4 UKWENZA UMSEBENZI
Umsebenzi -
C.4.1 kufuneka azame ukuphumeza iinjongo zesebe lakhe ngendlela engenazindleko nangokwentando yoluntu;
C.4.2 kufuneka abe nobuchule ngokucinga nasekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe, afune iindlela zokusombulula iingxaki aze aphakamise ukusulungeka nobuchule ngokwemigaqo esemthethweni;
C.4.3 kufuneka awenze umsebenzi wakhe kwangethuba;
C.4.4 kufuneka awenze umsebenzi wakhe ngobugcisa nangobuchule;
C.4.5 angangeni kuso nasiphi na isenzo esingangqinelaniyo okanye esaphula imigaqo yokusebenza kwakhe emsebenzini wakhe osemthethweni;
C.4.6 uya kuzikhweula kuso nasiphi na isenzo esisemthethweni okanye kwinkqubo yothatho-zigqibo olunokukhokelela kwinzuzo engafanelekanga kwaye oko kufuneka kuchazwe ngumsebenzi;
C.4.7 uya kusoloko efumaneka xa kufuneka eye kuqeqesho kwaye uya kuziphuhlisa naye ngokwakhe kwikhondo lakhe lomsebenzi;
C.4.8 uya kuthembakala abe noxanduva lokuphendula xa esebenza ngemali karhulumente kwaye uya kusebenzisa zonke izinto zikarhulumente ngokufanelekileyo, ngobuchule kwaye ezisebenzisa ngokusemthethweni;
C.4.9 uya kukhuthaza ulawulo olugqwesileyo, olunobuchule, olusulungekileyo, olungafihli nto nolunoxanduva lokuphendula;
C.4.10 xa esemsebenzini uya kunika ingxelo kubaphathi abafanelekileyo ngobuqhetseba, urhwaphilizo, ukuqeshwa kwezizalwana nezihlobo, ulawulo oluhexayo naso nasiphi na isenzo esilulwaphulo-mthetho okanye esidlelelela intando yoluntu;
C.4.11 uya kunika icebiso elithembekileyo nelingakhethi cala elisekelwe kuyo yonke ingcaciso efanelekileyo ekhoyo, eyinika abaphathi abangentla kunaye xa athe wacelwa ukuba enze oko kwaye
C.4.12 uya kuthobela imibandela, amaxwebhu neengxoxo eziyimfihlelo, ezichazwe okanye ezithathwa njengeziyimfihlelo okanye ezilihlebo.
C.5 UKUZIPHATHA NOMDLA KWIZINTO EZISECALENI
Umsebenzi -
C.5.1 xa esemsebenzini, uya kunxiba aze aziphathe ngendlela engabeki bala libi kwiNkonzo kaRhulumente;
C.5.2 uya kuziphatha ngokufanelekileyo ngokuphathelele ekusebenziseni iziselo ezinxilisayo okanye nayiphi na into eneempembelelo zokunxila;
C.5.3 akayi kufumana okanye amkele, ngaphandle kwemvume ebhaliweyo yeNtloko yeSebe lakhe, nasiphi na isipho, inzuzo okanye imali (isipho okanye nantoni na enexabiso elingaphezulu kwama-R350.) kuye nakuwuphi na umntu ngethuba esemsebenzini njengoko ezo zinto zinokuthathwa njengezinyobo;
C.5.4 akayi kusebenzisa okanye adize nayiphi na ingcaciso karhulumente ngenjongo yokufumana inzuzo okanye yokuzuzisa abanye abantu kwaye
C.5.5 akayi kwamkela, ngaphandle kwemvume, msebenzi aya kuhlawulwa ngawo ngaphandle komsebenzi aqeshelwe wona okanye asebenzise izinto zokusebenza zikarhulumente kumsebenzi wangaphandle.
